Umfama uMilisa Greens waseKaroo ephumelela imbasa kwinqanaba lesithili.
Ukusukela kwezinyanga zintathu zigqithileyo amanina angamafama kweli leMpuma Koloni ebejijisana kwiimbasa zokukhetha oyena mfama olinina ophume izandla. Kwizithili zonke zeli phondo kuqhutywe ukhuphiswano lamanina ngelizama ukukhangela oyena mfama uphume izandla.
Ngenkxaso yoRhulumente wephondo eMpuma Koloni amafama aphumeleleyo afumene imali eziqala kumawaka amahlanu ukuya kumashumi amathathu amawaka eerandi. Ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga amanina angamafama eMpuma Koloni azakujijisana ngembasa yephondo echaza ukuba lowo uphumeleleyo uhamba yedwa kwezolimo nokufuya.
Ecacisa ngoku uMphathiswa welaSebe uNonkqubela Pieters eKomani uthi kuninzi okuqhutywa ngamanina kwezolimo. “Ezi mbasa yenye yeendlela zokuqaphela umsebenzi owenziwa ngamanina kwezolimo, logama kwelinye icala sikwakhuthaza sikhulisa umsebenzi wokulima nokufuya,” kutsho uPieters. Isithili sokugqibela ukunika imbasa umfazi ohamba phambili kwezolimo ibe yiSarah Baartman.
KuMasipala waseMhlontlo kuQumbu kulindeleke ukuba amanina angamafama weli phondo adibane apho esamnkela iimbasa, eqhwabelana izandla evuyela umsebenzi wokulima nokufuya. “Inkulu kwaye kudala inkulu indima edlalwa ngamanina kwezolimo eMpuma Koloni nakwihlabathi ngokubanzi, ngoko ngale mini kuzakuba kukhethwa oompondo zihlanjiwe,” kutsho uPieters.
La manina azakuba etyunjwa kwimikhakha eyahlukeneyo yezolimo equka abaqalayo, abaphakathi kwakunye nabo sele bekwikhabathiso eliphezulu. Izithili ezikhethe abampondo zihlanjiwe zityumbe ngokusekelezelwe kumsebenzi owenziwa kwiwadi nganye kuMasipala.
Ezi mbasa zenziwa zihambelana nenyanga yamanina eyathi yamiselwa nguRhulumente wentando yesininzi kweli, inyanga yeThupha. “Amafama angamanina ayafumaneka kwimveliso yoboya, inyama ebomvu, iinkukhu nemveliso yenkozo,” kutsho uPieters.
Eli Sebe linikise ngoomatshini bokuthunga abangamakhulu amabini kumanina avelisa iimpahla ngokuzithunga. “Ngamanina alikhulu namashumi amane anesixhenxe athe azuza ngokufumana oomatshini bokuthunga kulo nyaka mali,” kutsho uPieters.
Kumafama afumene iinkunzi zeegusha kwizithili ezahlukeneyo amafama angamanina afumene nawo. Iimbasa zamaphondo zandulela iimbasa zikazwelonke zokukhuthaza amanina kwezolimo kweli loMzantsi Afrika.
IMpuma Koloni ingumzekelo wokunikisa ngeliSebe ukuba lilawulwe linina kuquka noRhulumente kazwelonke. UThobeka Mdakana Tebe ungunobhala weAfrican Farmers Association of South Africa eMpuma Koloni. “Indima yamanina inkulu kwezolimo sithumela iimveliso zethu kumazwe ehlabathi, kwaye silwa nemiqobo esijongene nayo ngoku sithethayo,” kutsho uTebe.