UMphathiswa wezoLimo, uHlengahlengiso loMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle uThoko Didiza.
Ngamashumi amane anesihlanu epesenti ekhulwini izithuba zooGqirha bezilwanyana ekulindeleke ukuba kuqeshwe kuzo kweli loMzantsi Afrika. Oku kuqinisekiswe nguMphathiswa weSebe lezolimo nophuliso lamaphandle uThoko Didiza ngethuba ephendula ngembalelwano kwimibuzo yasePalamente.
Ngokwengxelo kaDidiza imeko yokunqongophala kooGqirha bezilwanyana kweli iye yambi kakhulu ukusukela ngonyaka ka2019. Kutshanje ooGqirha bezilwanyana beli leMpuma Koloni babambe inkomfa entsuku mbini eOsner eMonti ngelizama ukukhulisa iinzame zokulwa iingxaki zempilo yezilwanyana.
Kukho iingxelo zokuba ooGqirha bezilwanyana beli bashiya uMzantsi Afrika besiya kukhangela amadlelo aluhlaza kumazwe angaphandle. UDidiza uthi ngamashumi amathandathu anesibini epesenti ekhulwini izithuba eziKwaZulu-Natal, eMpumalanga ngamashumi amahlanu anesithandathu epesenti ekhulwini, lo gama iphondo loMntla Koloni ihleli kumashumi amane epesenti ekhulwini.
IMpuma Koloni lelinye lamaphondo asokolaya ukuqesha ooGqirha bezilwanyana, ngamashumi amathathu anesihlanu epesenti ekhulwini. Kwindibano yabo ooGqirha bezilwanyana eMpuma Koloni kwiveki ephelileyo bathethe ngeendlela zokuphucula amalinge okhusela impilo yezilwanyana.
Iphondo laseRhawutini lelona linamanani aphantsi wezithuba zooGqirha bezilwanyana xa lithelekiswa namanye amaphondo. Umsebenzi wooGqirha bezilwanyana ubaluleke ngamandla ukukhulisa umsebenzi wamafama asezilalini.
URhulumente weli uhlala esenza iinzame imihla ngemihla ukuzama ukhulisa amafama asezilalini. Zizifo ezahlukeneyo ezithi zihlasele amafama asezilalini mihla le ngenxa yokuba engenazo iindlela zokuzikhusela. Sithetha nje isifo somkhuhlane weehagu siqalile ukubulala iihagu ngenxa yokunqongophala kooGqirha bezilwanyana.
Ethetha ngale meko uMphathiswa uThoko Didiza wathi ukunqaba kwamaziko okufundisa inzululwazi yempilo yezilwanyana kubangela iingxaki.
“Khumbula ukuba linye kuphela iziko elifana neYunivesithi elifundisa inzululwazi yezilwanyana, amanye amaziko ziiKholeji kuphela,” watsho uDidiza. Kudala kuthethwa ngokumiselwa kwesetyana lokufundisa inzululwazi yempilo yezilwanyana eFort Hare, kodwa konke oko akude kuqale.
Abantwana abafundela inzululwazi yempilo yezilwanyana baphelela kwinqanaba laseKholejini. Abo banethamsanqa bagqithela kwiYunivesithi yasePitoli kamva ukuze bagqibezele ukuba ngooGqirha bezilwanyana.
Ukusungulwa kweziko lokufundisa inzululwazi yempilo yezilwanyana eFort Hare kungancedisa abantwana beMpuma Koloni ukuba baqalise ukufunda banzi kwiindawo ezikufutshane nabo.