Amafama weetapile exoxa ngekamva lokuveliswa kweetapile eMzantsi Afrika. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Umbutho ojongene nokuveliswa kwetapile kweli iPotatoes South Africa udibanise amafama aphuma kuzwelonke eParys eFreyistata kwingxoxo engokuveliswa kwetapile. Itapile yinxalenye yesidlo semihla ngemihla kumakhaya amaninzi kweli loMzantsi Afrika nakwihlabathi.
Mihla le kwizityo emakhaya nakwifama zelizwe iitapile zisoloko zikho konwatyiwe okanye kukubi. Zitapile ezikwizidigi ezibini zetoni eziveliswa nguMzantsi Afrika minyaka le nezithi zithengiswe kumazwe ehlabathi nakwivenkile zeli. Kuzwelonke ngamafama akumakhulu amahlanu namashumi amahlanu avelisa iitapile esebenza nzima. Ngenxa yokuvelisa iitapile lamafama ayakwazi ukuqesha inani labantu belilizwe, oku kubangela ukuba indlala ingafumani ndawo. La mafama alima iitapile kumhlaba ongamashumi amahlanu ananye amawaka wehektare kuzwelonke.
Amafama asezilalini awaziyekeli kwinzame zokuvelisa iitapile emakhayeni wawo nakwimihlatyana emincinci abanayo. Ingxelo yePotatoes South Africa ithi akumawaka amahlanu amafama amancinci akwindawo zase zilalini avelisa iitapile encedisa kwimveliso yeetapile. UDeon Van Zyl uthi umkhulu umahluko owenziwa zitapile kwimpilo yabantu boMzantsi Afrika.
“Ukulinywa kwetapile kwenza umahluko ocacileyo kwimpilo zabantu belizwe loMzantsi Afrika ingakumbi abo bakwintlalo yasezilalini,” kutsho uVan Zyl. Uphando olenziwe yiPotatoes SA luthi abantu beli batya amagaqa etapile amane ngeveki kwizityo zabo eziphambili.
Iitapile ziqulethe izakha mzimba eziquka iVithamini B kwakunye noC, iKhabhohaydreds nezinye izakha mzimba. “Imveliso yetapile kweli iphazanyiswa zingxaki eziquka imozulu, izinambuzane zitya amagqabi wetapile ukulima kwezityalo ngethuba lokuvuna nezinye,” kucacisa uVan Zyl.
Iphondo laseFreyistata lihamba phambili kwimveliso yetapile kweli loMzantsi Afrika, kodwa amafama wendawo ezifana neKhowa eMpuma Koloni enza ngamandla kwimveliso yetapile. Imihlaba efanele itapile iquka imihlaba ebomvu, omnyama nobambe busantirha.
Awuzidingi kangako izichumiso ingakumbi xa utyalwe kumhlaba ofanelekileyo, olungiswe ngokwaneleyo. Iitapile zidlala indima ukulungisa umhla xa sele zityaliwe nazo. Amagqabi wetapile afa lula xa athe adibana nengqele engamandla, kwaye ukufa kwegqabi kwenza ukuba zingaphindi zivuke iitapile ezo.
La mafama azakuthatha izigqibo ezizakwenza ukuba liguquke ngamandla ikamva nendlela eziveliswa ngayo iitapile kweli loMzantsi Afrika. Maninzi amazwe axhamla kwiitapile eziveliswa kweli loMzantsi Afrika, kwaye zinqabile iingxaki ezimayela nokuhanjiswa kwazo.