Entsimini

Kutheni ithenwa imithi mfama

Siyabulela Mqikela|Published

Imithi ithenwa rhoqo ngamafama ngexesha elandulela ubusika okanye ebusika ukuze ilungele ukuthwalwa iziqhamo zonyaka olandelayo. Ukuthena imithi kunenzuzo ezininzi ezithi zixhanyulwe ngumthi nomfama ngoku njalo.

Xa itheniwe imithi umnikazi wawo okanye umfama lowo uyakwazi ukubona izinto ezikwelinye icala lomthi wakhe. Oku kuthetha ukuba ukuthenwa komthi kuhambelana nemicimbi yokhuseleko efama.

Xa amagqabi emaninzi engalawuleki abangela ukuba izihange, iinyoka nezinye izinto ezingenelela kwintlalo yakho zibenendawo yokuzimela. Ukukhula ngokugqithisileyo kwamasebe akho kwenza ukuba maxa wambi ade aziwele esoyiswa ngumoya okanye yenye into.

Oku kungabeka esichengeni ubomi babantu, kuba elisebe lingawela umntu entloko alimale, xa etheniwe awanakuyenza lo ngozi. Ukukhula ngokugqithisileyo kwamasebe emithi yakho kungaphazamisa iintambo zombane, ezinokuthi zona zibangele iingxaki.

Ukuqhawuka kwentambo zombane kungabangela ukuba umbane wakho uqhawuke, okanye kulimale umntu. Ngoko ke ukuthenwa kwemithi kuyinzuzo kuwe nentlalo yakho mfama, izilwanyana zakho noluntu ngokubanzi. Ukuthena imithi kusoloko kufuna ukuba umntu abenobuchule obubodwa bokwenza lomsebenzi, kuba unobungozi kwawona lomsebenzi wokuthena imithi.

Ukuthena umthi kwenza ukuba umthi wakho uthwale nangakumbi logama ukwakhulisa umthi wakho ngohlobo oluthile. Indlela amasebe wakho akhula ngayo iphenjelelwa yindlela othene ngayo imithi yakho mfama. Ukugcina amasebe wakho etheniwe kwenza ukuba amasebe angaphuki lula aziwele ngenxa yobude okanye ukumila okungalunganga.

Ubunzima bamasebe nendlela ajinga ngayo ilawulwa yindlela athenwe ngayo amasebe ngumnikazi wesitiya eso. Ayahombiseka amasebe athenwe ngendlela eyiyo, oku kwenza ukuba akhule kakuhle, aqulathe iziqhamo ezifanelekileyo ukuze axhamle umfama.

Ixesha eli lilo lokuthena imithi lixesha apha imithi ilahla amagqabi okanye ixesha lasebusika. Oku kungenxa yokuba akukho mveliso elindelweyo emithini, kwaye nayo ilungiselela ukuqala ngokutsha. Ukuqinisekisa ixesha eli lilo lokuthena imithi yakho kubalulekile ukuba uthethe negosa elijongene nenzululwazi yezityalo kwindawo ohlala kuyo.

Ukufumana ingcebiso kusoloko kubalulekile kunokwenza into ezakubangela ilahleko kumsebenzi wakho. Kubalulekile ukuba ungabaxi xa uthena imithi yakho, uthene ungagqithisi koko wenze ngokufanelekileyo. Kufuneka uwazi umyinge wesebe ekumele ukuba uwuphungule esebeni elo, ukugqithisa kuyingozi enokubangela ukuba isebe lakho lithathe ixesha eligqithisileyo ukukhula.

Zikhona ke neenkampani zabucala eziwenza ngaphandle kwengxaki lomsebenzi wokuthena imithi. Ezi nkampani zisebenzisa abantu abanolwazi olubanzi kumcimbi wokuthenwa kwemithi. Izixhobo ezizizo zibalulekile ukwenza lomsebenzi, oku kwenza ukuba yonke into yenzeke ngendlela.