Emva kokuvuna kuselwa umbuya masini.
Obu butywala obusilwa likhaya xa kubuywa emasimini kugqitywa kuvunwa umbona, amazimba okanye ingqolowa kuxhomekeka kulo nto ilinyiweyo. Ngamaxesha akudala abantu abamnyama bebekholelwa kwizinyanya noQamata ukuba ngabo ababanika isivuno esihle.
Obutywala ke bebusenziwa kubulelwa isivuno salonyaka, ukukhuseleka kwesivuno, imvula nokungabikho kwezibetho ezikhoboza ukutya kwamafama. Ubunzulu bokusilwa kobutywala kuhambelana nenkolo yezizwe zaseAfrika. Inyanga yokuqala yokuvuna isivuno sonyaka ophelileyo yinyanga kaCanzibe, kodwa umbulelo wesivuno kwezinye iindawo wenziwa kwinyanga yeSilimela.
Ubunzulu benkolo yesiNtu buthi nguQamata nezinyanya obangele ukuba kuvunwe ngoko ke indlela yokubulela kukuba kusilwe utywala. Umyinge wobutywala uxhomekeka kwikhaya elo, kukwakho nabathi baxhele xa bebulela umsebenzi nesivuno sasemasimini.
Ungaweva amaXhosa esithi makuphunywe emasimini xa kuqala ukurhatyela kuba akholelwa ukuba elo lixesha lokufika kwezinyanya emasimini zize kuhlola umsebenzi. Kaloku lemihlaba ilinywa ngamafama angoku abanikazi bayo ngabo bangasekhoyo emhlabeni, ngoko kusetyenzwa kusoloko kucingwa ngabo.
Xa kungenwa kwakho ekuseni kukhuthazwa ukuba kungangenwa ungekaphumi umsobomvu empumalanga. Xa usebenza namafama amhlophe kwakho ungayiqaphela into yokuba amafama amhlophe nawo akholelwa kakhulu kuThixo wawo. Akholelwa ukuba isivuno, ukulima nempumelelo yomsebenzi wawo uxhomekeke kuThixo odale izinto zonke.
Amafama amhlophe wona akholelwa ukuba xa kuqalwa umcimbi nokuba ngonjani makubulelwe kuThixo, kuze kuphinde kufakwe izicelo kwakulo mthandazo. Othunywe ukuba athandaze womva esithi ubulela imvula, aphinde athi bacela imvula nokhuseleko lezityalo zabo nemfuyo ngokunjalo.
Konke oku kuthetha ukuba amafama nenkolo akunakuwahlula, koko awamaXhosa amafama asukile kwezinye zezinto ezazisenziwa ngamfama angaphambili. Kukho inkolo yokuba ukubulela isivuno, imvula nezinye izinto ezenzeke kwelo xesha bekulinywe ngalo, kubangela ukuba imozulu ibengakwicala lamafama.
Ukubulela isivuno ngokusila utywala nokuxhela ke mafama lisiko elidala kwaXhosa, ukukholelwa ke kuyanceda kuba kungenzeka ukuba ukholelwa kwinto ephilileyo. Amafama amhlophe angumzekelo omhle woku, kwaye uQamata wawo ubonakala ewathanda ewaxhasa kumsebenzi wawo.
Xa esenza umbulelo wokubuya emasimini amafama akudala ebethatha isixa sesivuno ayekunikela ngaso komkhulu. Oku bekusenziwa ngengxowa zombona, ingqolowa okanye amazimba okanye lonto ivuniweyo. Lo mnikelo wesivuno esibuya emasimini ubusenziwa ngenjongo zokunceda abo bahluphekayo ukuze ikomkhulu linikise ngezongxowa kubo.
Oku kunikela bekukwakhwatshwa yinkolo yokuba ngokunikela amafama ayakuvuna isivuno esingcono kunyaka olandelayo. Umbuya masimini luphawu lenkolo, umthandazo nethemba lokuba amafama amthembile uQamata kwakunye nenkxaso yezinyanya zabo.
Kule nyanga yeKhala amafama agqibezela ukuvuna umbona ozakuthi wakugqitywa ugalelwe kumadladla agcinwe ukuze ajongane neengxaki zonyaka olandelayo.