Eqhayisa ngobuhle amandongomane weMakhademiya.
Ngamafama angaphezu kwamakhulu amathandathu avelisa iMakhademiya kwihlabathi ekulindeleke ukuba ageleleke kweli loMzantsi Afrika ngenyanga yoMsintsi.
Ngokwengxelo yeSouth African Macademia, la mafama eza kuba yinxalenye yeSimpoziyam ezakuqhutyelwe kweli. Nangona uninzi lukholelwa ukuba elindongomane lisengxakini kodwa zikho iimpawu zokuba elindongomane lenza kakuhle ngokwentengiso.
UCraig Sherperd usuka kwiYunivesithi yase New England uzakuba ekhokele kwizithethi eziphambili kule Simpoziyam. “UMzantsi Afrika uwodwa uvelisa amakhulu amabini namashumi asibhozo amawaka wetoni zendongomane kuthiwa yiMakhademiya, ngoko ke leSimpoziyam iza kwenye yendawo ezifanelekileyo,” kutsho uSherpard.
Uthi umsebenzi wokuveliswa kweMakhademiya kweli wenza umtsalane kumafama, kubathengi nakubathandi belindongomane kwihlabathi. “Ngonyaka ka2022 iMakhademiya eqikelelwa kumashumi amabini anesihlanu ekhulwini epesenti iveliswe lilizwe loMzantsi Afrika,” kucacisa uSherpard.
Ukukhula kwemveliso yelindongomane leMakhademiya kweli kubangele ukuba kudaleke amathuba emisebenzi kuninzi oludinga umsebenzi.
“KuMzantsi Afrika kuphela ngamashumi amathathu anesine amawaka abantu abaqeshwe kwifama ezivelisa elindongomane,” utsho.
Ukusukela ngonyaka ka2017 ilizwe loMzantsi Afrika litshotsha entla ngokuba lelona livelisa indongomane leMakhademiya elininzi kunamanye amazwe. “Ngumhlaba ongamashumi asixhenxe anesibini amawaka wehektare ekutyalwe kuwo iMakhademiya kweli loMzantsi Afrika,” kucacisa uSherpard.
Uthi ukhula ngehektare ezingamawaka asibhozo ngonyaka umhlaba osetyenziswa ukuvelisa iMakhademiya kweli loMzantsi Afrika. “Kungoko ndisithi ilizwe loMzantsi Afrika lifanelekile ukuba libambe leSimpoziyam ukunika amafama ithuba lokuxoxa ngendlela zokukhulisa iMakhademiya,” ucacisa atsho uSherpard.
Ilizwe laseAustralia lelinye lamazwe ahamba phambili ukuvelisa amandongomane weMakhademiya kwihlabathi. Ela lizwe liyakhula kwinzame zalo zokuvelisa amandongomane weMacademia.
ISimpoziyam ezakubanjelwa eThekwini kweli loMzantsi Afrika izakuvula amathuba okukhula kwemveliso yeMakhademiya. IMpuma Koloni inamasimi abalekayo eNcera nakuGatyane avelisa amandongomane weMakhademiya kweli loMzantsi Afrika. Nangona kukho imiceli mngeni kumsebenzi wokuvelisa iMakhademiya eMpuma Koloni, kodwa bakhona abaqeshiweyo kwezindawo.
Kulindeleke iingcali zokulima iMakhademiya eziphuma kwihlabathi, izifundiswa nabathengi belindongomane abazakuba besabelana ngeqongo.