UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza.
Kwintetho yakhe ayenze kwiBhunga lamaphondo ePalamente uMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza uqhayise ngomsebenzi weSebe lakhe. Osisithethi kwela Sebe uReggie Ngcobo uthi intetho yakhe kwiBhunga lamaphondo yenziwa minyaka le njengabanye abaPhathiswa bakaRhulumente.
"Le yintetho eyenziwa rhoqo ngonyaka kumalungu eBhunga lamaphondo, yintetho egxila ngoku kodwa kumsebenzi owenzeke emaphondweni jikelele," kutsho uNgcobo.
UDidiza akakhange alibazise ukuqhisela amalungu eliBhunga lamaphondo ngebanga esele lihanjwe liSebe lakhe. "Ekuqaleni kwalo nyaka sithembise ngokuba sizakulwa ingxaki yombane echaphazela amafama, oku sikwenza sibambisene nenkampani yakwa Eskom namanye amalungu," kutsho uDidiza.
Uthi akathandabuzi ukuba ingxaki yokumnka kombane ezifama izakubayimbali ngenxa yokungenelela kwabo "Amafama azakufumana isibonelelo kumaphondo onke ngokushiyana kwazo,kaloku kukho amafama amakhulu,aphakathi namancinci esi sibonelelo ke sizakwabiwa ngolohlobo kumafama," kucacisa uDidiza.
Oku kuza emva kokuba imibutho eyahlukileyo equka iAgri SA ivakalise inkxalabo ngenxa yokungabikho kombane, kwaye oku kuchaphazela imveliso yasezifama. "Lo mafama azakufumana kwesi sibonelelo azakukwazi ukubuyisa uzinzo kwindlela asebenza ngayo kwinkqubo yawo yokulima nokufuya," utsho uDidiza.
Ukwasebenzise elithuba eqhayisa ngesibonelelo esi suka kwiofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ukuxhasa amafama emva kokuhlaselwa sisifo seKhorona. "Likhulu namashumi amahlanu amawaka amafama afumene kwesi sibonelelo esathi sasekwa nguMongameli ngenjonzo zokunceda amafama ukuba akwazi ukusebenza, ngoko la mafama avukile noko emva kweKhorona," uqhayise watsho uDidiza.
Uthi ngezibonelelo ezahlukeneyo ezisuka kuRhulumente bazakukwazi ukuncedisa amafama ukuba kuliwe ingxaki yokunqongophala kwendlala kweli. "Ukuhla kwezinga lokuveliswa kokutya kukhokelela kwimeko yokunqongophala kokutya,logama kwelinye icala kunyusa ixabiso lokutya ezivenkileni,ngoko sizimisele ukukhuthaza amafama kumalinge okuvelisa ukutya," utsho uDidiza.
Akakhange alibali ukuqhayisa ngemicimbi yezolimo ekumgangatho wehlabathi ethe yaqhubeka kweli loMzantsi Afrika. "Oku kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ngenene ihlabathi lisibona nje ngendawo elungele ukusingatha imicimbi ekumgangatho wehlabathi kwezolimo, eKapa naseThekwini besixakeke sihlinzeka," uqhayisa atsho uDidiza.
Uhambisa athi bayaqhubeka ukuqinisekisa ukuba iimveliso zeli zithengiswa ngaphandle kwengxaki kumazwe ehlabathi. "Sikunye noMphathiswa uPatel sikwiphulo lokusombula iingxaki ezibangela ukuba iimveliso zeOrenji leli zingathengwa kumazwe aseYurophu," kutsho uDidiza.
Uthi ilizwe laseChina lisendleleni ezakweli ukuza kuzanelisa ngendlela ezondliwa ngayo iigusha zeli ukuze elalizwe liqalise ukuthenga iigusha kweli.