Uninzi lenyama yenkukhu etyiwa kumakhaya woMzantsi Afrika ivela kwilizwe laseBrazil, kwaye kuthwa inyuke ngomyinge wamashumi amahlanu ekhulwini lepesenti. Le ngxelo igxile kwinyanga kaTshazimpunzi walo nyaka nalapho ibonakalisa ukuba iphindaphindene kaninzi ukunyuka inyama yenkukhu evela kwilizwe laseBrazil engena kweli xa ithelekiswa nonyaka ophelileyo.
Ngaphambili bekukho ingxoxo malunga nokungena kwenyama yenkukhu engena kweli ngelithi amazwe aseYuropu adidimbela inyama yenkukhu etyebileyo kweli loMzantsi Afrika. Amafama nabezoshishino kweli abasebenza ngokuvelisa iinkukhu bayakhala ngelithi lenyama icinezela ukukhula kwabo kwimveliso yenyama yenkukhu.
Umbutho ojongene nokuveliswa kwenyama yenkukhu kweli iSouth African Poultry Association (SAPA) utyhola uMphathiswa worhwebo noshishino kweli uIbrahim Patel ngokurhuqa inyama ukugxotha lenyama yaseBrazil kweli.
ISAPA ityhola uPatel ngelithi akathathi manyathelo kwiziphakamiso zabo zokuba iphume inyama yelizwe laseBrazil eMzantsi Afrika. Amafama avelisa inyama kweli awakwazi kukhula ngokuthengisa inyama yawo kuba iivenkile zizele inyama esuka kwilizwe laseBrazil.
Ekuqaleni kwalonyaka ngamawaka amane etoni zenyama yenkukhu esuka kwilizwe laseBrazil ngene ngezikhephe kweli. Le nyama ithe yenyuka ngokothusayo ngenyanga yoKwindla isiya kwishumi elinesibini letoni kwakulo nyaka umnye. Okona kubhokodisa amafama weli kukuba inyama yawo ayikwazi kuthunyelwa kumazwe ehlabathi, ingakumbi kumazwe aseYuropu.
Inyama yenkukhu yeli yagqwaliswa kukuqhambuka kwesifo somkhuhlane wenkukhu, ngenxa yoko yatsho yayeka ukuthunyelwa eYuropu. Ukungaqini nokungazinzi kwemithetho elawula ukuthengiselana namazwe angaphandle kuko okwenza ukuba iBrazil ibone isisulu kuMzantsi Afrika. Ubudlelane boMzantsi Afrika, Brazil, Ndiya, Rashiya neChina kugalela ityiwa enxebeni kumafama nabezoshishino belizwe loMzantsi Afrika.
Amanye wamazwe atyholwa ngokugalele inyama yawo yenkukhu kweli aquka iPoland, Denmark kwakunye nelizwe laseSpain, kodwa incinci kakhulu xa ithelekiswa naleyo ivela eBrazil.Imisebenzi yabo basebenza kwinkampani ezivelisa iinkukhu icutheka minyaka le ngenxa yokuba ezonkampani azingenisi mali ukuze kukhule umsebenzi, ngoko ziyabadenda abasebenzi.
Ukanti amafama anyanzeleka ukuba akhangele ezinye iindlela zokuphila ezingaphandle kokuvelisa iinkukhu. Inyama yenkukhu ethunyelwa kweli evela eBrazil iquka amanqina wenkukhu,imilenze nesinqe senkukhu.
Ezona nyama zizele yimpilo kwinyama yenkukhu ezifana nomkhwepha azithunyelwa kweli loMzantsi Afrika. Inkampani yakwa Astral Foods yeyona inkulu kweli ukuvelisa inyama yenkukhu kwaye iziva ngamandla izivubeko zokungena kwenyama yenkukhu yelizwe laseBrazil. Abavelisi benyama yenkukhu kweli baxhela iinkukhu ezingamashumi amabini ezigidi ngeveki