Umthi weAvocado.
Umthi weAvocado ngomnye wemithi ethwala kakhulu iziqhamo zawo xa uthe wakhathalelwa kwakwiintsuku zokuqala zokutyalwa kwawo. Ingxelo yeengcali ezityala iAvocado ithi umthi ngamnye uthwala amagaqa aqabela kumawaka amabini ukuya kumawaka amathathu.
Umthi weAvocado uqalisa ukuthwala ukutya xa kanye uneminyaka esixhenxe ukuya kwiminyaka elishumi, kuxhomekeke kwindawo otyalwe kuyo. Ukutyala iAvocado yinkqubo ethatha ixesha elide kakhulu, kungoko umfama ongena kolu hlobo lokulima kumele ukuba azilungeselele ukulinda iminyaka emithathu ukuya kwemihlanu phambi kokuba abone iziqhamo zokutyala kwakhe.
Kodwa iziqhamo zayo zigqibelela ngamandla emva kweminyaka esixhenxe, zinika amagaqa amakhulu amumethe ukutya okwaneleyo. Ukuze ukwazi ukuvuna ngokufanelekileyo kolu hlobo lwesiqhamo kufuneka ukuba wenze uphando olwaneleyo ngeendlela ezizizo zokuyilima iAvocado. Olu phando luquka ukukhangela ukuba umhlaba nemozulu yendawo ifanelekile na ukuba ungatyala iAvocado.
Oku kwenza ukuba imithi yakho ithwale ukutya okuninzi ixesha elide, kwaye iba ikukutya okusemgangathweni, logama umfama eqhubeka engenisa imali. Kufuneka ufumane ulwazi lokuba iAvocado ineendidi ezininzi ezahlukeneyo ezifunwa ngabathengi. Amazwe ahlukeneyo ehlabathi athenga iindidi ezahlukeneyo zeAvocado.
Ulwazi malunga neendidi zezichumisi ezifanelekileyo ngokomhlaba wakho nemozulu yendawo oza kutyala kuyo lubalulekile. Indlela namacebo okulwa nekhula nezinambuzane ezenzakalisa izityalo zakho kwiintsuku zazo zokuqala. Ukunkcenkceshela ngendlela eyiyo, amaxesha nomyinge wamanzi ofakwa kwizityalo zeAvocado xa zisazama ukukhula.
Ulwazi olubanzi ngeendlela zokuvuna, amaxesha okuvuna nezixhobo ezizizo zokuvuna iAvocado.
Ifama iWestfalai Fruit ezinze eLimpopo yeyona fama evelisa iAvocado eninzi kweli loMzantsi Afrika, kwaye iqeshe inani eliphezulu labasebenzi abathi bondle iintsapho zabo.
Amaphondo aquka iLimpopo, Mpumalanga, KZN, Mpuma Koloni neNtshona Koloni ngawo atyala iAvocado ngamanani aphezulu kweli. Kumazwe ehlabathi ilizwe lasePeru, Dominican Republic nelizwe laseColombia ahamba phambili ngokutyala iAvocado.
Umfama uAndre Nel ngumvelisi weAvocado ophume izandla kwiphondo laseMpumalanga.
“Ukucwangcisa, ngoku kukho phambi kokuba utyale izithole zeAvocado, ulwazi nezixhobo ezifanelekileyo zezona zinto zenza ukuba umfama avelise iziqhamo ezisemgangathweni," kucacisa uNel.
Ungumnikazi wefama ezinze kumantla edolophu yaseNelspruit ebizwa iZuurige.
"Kumafama asaqalayo, eyona nto ifuneka ngamandla lulwazi oluhambelana nokulinywa kweAvocado, ngokwenza njalo umfama uyakusibona isivuno sakhe," utsho.
Esi sesinye sezityalo ezithanda ubushushu ingakumbi kwiminyaka yokuqala yokutyalwa kwaso. Amaphondo aquka iLimpopo neMpumalanga ngawona avelisa iAvocado esemgangathweni xa athelekiswa namanye kweli loMzantsi Afrika.
“KwiMpuma Koloni, eza ndawo zifana noLusikisiki, Sajonisi neMbizana zezona zikwaziyo noko ukuvelisa iAvocado esemgangathweni," kutsho uNel.
Xa ithengiswa ezivenkileni, ithengiswa iligaqa okanye ingqokelela yamagaqa.