Ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka iSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni lithe gqolo ukuxhasa amafama ngezixhobo zokusebenza. Oku kuhambelana nezithembiso ezenziwa mihla kwintetho zamaSebe kaRhulumente welizwe loMzantsi Afrika.
UMphathiswa weli Sebe kweli leMpuma Koloni uNonkqubela Pieters kutshanje unikise ngamaziko okuchebela iigusha kumafama kooMasipala abahlukeneyo eMpuma Koloni.KuMasipala iAB Xuma uPieters unikise ngendawo yokuchebela esemgangathweni exhotyiswe ngazo zonke izixhobo zokucheba.
"Injongo yoku kukukhuthaza amafama oboya ukuba akwazi ukusebenza,akhulise imihlambi yawo ukuze kuphucuke umgangatho woboya ezigusheni," kucacisa uPieters.
Liyakhula inani lamafama amnyama athenga iigusha zoboya ngenjongo zokukhulisa imveliso yoboya kwiMpuma Koloni. "Siwancedisa nangenkunzi zegusha amafama ukuze kutshintshe uhlobo legusha eveliswayo, kuveliswe iigusha zoboya," kutsho uPieters.
Phantsi kweli phulo iSebe linenjongo zokwakha iindawo zokucheba ezilishumi elinesixhenxe kunyaka mali u23/24."Sinemali engamashumi amabini anesine ezigidi zerandi (24 Million) ezakwenza ukuba zikwazi ukuwenza ngempumelelo lomsebenzi,"utsho loMphathiswa.Kwinyanga ephelile eliSebe belivuyisana namafama oboya eMbekweni eHewu apho laligqithise ngenkunzi zegusha ezingaphezu kwekhulu.
Esenza intetho yakhe yohlahlo labiwo mali ekuqani kwalo nyaka uPieters wathembisa ukuba uzakuchitha imali ekwishumi elinesine wezigidi zerandi ukuxhasa amafama avelisa imifuno eMpuma Koloni.
"Esi sixa sijoliswe ukuncedisa uvuselelwa kweziseko sokusebenzela,izixhobo zokunkcenkcesha ukuze amafama wakowethu akhule ngamandla kwimveliso yemifuno," wathembisa watsho uPieters.
KuMasipala waseNelson Mandela Metro kwa Wadi 52 uPieters unikise ngezixhobo zokusebenza kumafama avelisa imifuno. UKopolotyeni iGobi Youth Farmers Cooperative uvelisa imifuno athengise kwivenkile ezingqongileyo kwisithili sase Nelson Mandela Metro.
"Ngamakhulu amahlanu eKilogram eminqathe,iphepha elihlaza, iwaka namakhulu amahlanu ekilogram zespinatshi, amakhulu amathandathu ekilogram zebeetroot," kucacisa uPieters. Lo msebenzi walamafama alulutsha luncediswe ngenkxaso mali eyayiphuma kwiofisi yeNkulumbuso yeliphondo uOscar Mabuyane.
Kwabanye ooMasipala kunikiswe ngomatshini bokuthunga ngelizama ukuvuselela ushishino lasekuhlaleni.Ukuxhaswa kolu lutsha kungqanyaniswe nenyanga yolutsha nalapho uRhulumente aqhuba iinkqubo ezahlukeneyo ezijoliswe ukukhuthaza ulutsha.
Kwezolimo kukho uluvo lokuba abantu abatsha abakuthandi ukuzibandakanya kwelimo nokufuya ngenxa yendlela ekusetyenzwa ngayo. Nangona kukho uluvo olunjalo liyakhula lona inani lolutsha olungena kwezolimo nokufuya eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika ngokubanzi. IMpuma Koloni inezikolo zamabanga aphakamileyo ezilishumi elinesibhozo ezifundisa ezolimo kuphela.