EMVA kokusebenza njengoGqirha wezilwanyana iminyaka engaphezu kwamashumi amathathu, uGqirha Lubabalo Mrwebi uwongwe ngembasa enikwa imbeko ngomsebenzi wakhe.
“Ndiyifumene imbasa kwiSouth African Society of Veterenary Epidemiology and Preventive Medicine, kuqatshelwa umsebenzi endiwenze kwisithuba seminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe,” kucacisa uMrwebi.
Uthi le mbasa igxile ngokukodwa kwigalelo lakhe kwinkonzo ejongene nempilo yezilwanyana, neenzame zokuthintela izifo ngamachiza kwizilwanyana.
“Ndiqale ukubanguGqirha weziLwanyana ngo1991 ndiphuma kwiYunivesithi iMedical University of Southern Africa (Medunsa). Ndichithe ubomi bam bonke bokuphangela ndisebenza kwiinkonzo zoluntu ndizinze kweli leMpuma Koloni,” utsho uMrwebi.
Ukusukela ngonyaka ka1991 ukuya ku2000, uMrwebi usebenze enceda amafama emfuyo asaqalayo kooMasipala abaquka iMnquma, iMbashe, Alfred Nzo, Chris Hani kwakunye neJoe Gqabi.
UMrwebi yinzalelwane yaseCumakala eCacadu, eMalahleni. Ephuma kwikhaya elivelise oogqirha.
“Ngo2000 ndiye ndanikwa igunya lokuba ndikhokele icandelo elijongene nempilo yezilwanyana kwiMpuma Koloni yonke, apho ndisebenze kwada kwango2017,” uqhayisa atsho uMrwebi.
Ngenxa yamacebo akhe nokuzinikela kwakhe kumsebenzi wokukhathalela impilo yezilwanyana wabutshintsha ubomi bamafama eegusha eMpuma Koloni.
“Ngeenzame zam ndikwazile ukuphucula umgangatho nomyinge woboya obuphuma kumafama asezilalini, oko ndikwenze emva kokwenza ifuthe elicacileyo ndicebisa kwiSebe,” uhambisa atsho uMrwebi.
Ngokuzinikela kwakhe kwinkonzo yempilo yezilwanyana, amafama asezilalini anolwazi olubanzi ngeendlela zokufuya ezihambelana nala maxesha ngenxa yemisebenzi yakhe.
“Kwimbali yobomi bam bokusebenza, ndidlale indima enkulu ngexesha ekwakuvele izifo ezithathu ezaziliphethe kakubi eli leMpuma Koloni noMzantsi Afrika, ezo ziquka isifo somlomo ngo2001, umkhuhlane wemfuyo ngo2004 owaqhambuka eSomerset East nomkhuhlane weehagu ngo2005, zonke ezi ntlekele zalawulwa ngempumelelo emva kwedabi leminyaka emibini,” ugadlele watsho uMrwebi.
Uthi uyazingca ngenene xa ekhangela emva kumsebenzi awenzileyo ovule amathuba nakwabanye ooGqirha bezilwanyana.
“Ndiyazingca ngenene ngenxa yeenzame ezenze ukuba kube lula kwabanye ooGqirha ukuba baye kufunda kumazwe angaphandle, abanye babo babuye beza kusebenza kwakweli leMpuma Koloni,” ezingomba isifuba utsho uMrwebi.
UGqirha uJotelo Soga waba nguGqirha weziLwanyana wokuqala omnyama emva kokuncanca ulwazi kwilizwe laseSkotilani nawathi kamva waza kusebenza kweli loMzantsi Afrika.
Njengabo bonke abelusi, umalusi wolusa, akhulise, akhusele umhlambi athi emva kwemini axwaye ibhatyi agoduke.
“Ndithathe umhlalaphantsi ngonyaka ka2019,” uvalelise ngelitshoyo uMrwebi.
Ukukhula kwemveliso yoboya, ukuphucuka kwemihlambi equka iinkomo kumafama asakhasayo eMpuma Koloni, zezinye zeziqhamo zomsebenzi omhle owenziwe nguGqirha Mrwebi.
Ngenxa yomsebenzi wakhe wokukhathalela izilwanyana, uMrwebi wanikwa igama elithi nguGqirha weeHagu kwilali azalwa kuyo eCumakala nakuninzi lweelali zaseCacadu.
Ngenxa yeenzame nenkuthazo yakhe likhulile inani labantwana abamnyama abalandela izifundo zokubangooGqirha bezilwanyana eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika.