Isebe lezemfundo limemelela izikolo ukuba zinike abafundi iziphumo zabo nangona betyala.
Ababesakuba ngabasebenzi basemgodini abanezifo zemiphunga ngenxa yomsebenzi wabo emigodini baza kuncedwa ngamabango embuyekezo kwaBhaca.
Inkosikazi yenqununu iphakathi kwabathathu ababanjiweyo ngokubulawa kwayo kwinyanga ephelileyo.
UGwede Mantashe uthi mdala kakhulu ukuba angangenela ugqatso lokuba nguMongameli weANC ngo2027.
IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo ugxeke urhulumente woMzantsi Afrika ngendlela athe wayisingatha ngayo imicimbi yakwaSirayeli.
Isebe lezolimo eMpuma Koloni liza kunikezela ngezixhobo zokukhulisa umsebenzi owenziwa ngamanina nolutsha eMatatiele.
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uthi amapolisa enza inkqubela kuphando olumalunga nokubulawa kwengqina leKomishini kaMadlanga.
Ubudlelwane boMzantsi Afrika neMelika buza kuba ngomnye wemiba ekuxoxwe ngayo kwindibano yeANC.
Limiselwe unyaka ozayo u2026 ityala lokuqhekezwa kwefama kaMongameli Cyril Ramaphosa iPhala Phala.
UQhawekazi Mazaleni wamkelwe eMpuma Koloni kule mpelaveki iphelileyo.
Amapolisa aseBityi akhangela umrhanelwa odubule wabulala ixhegokazi.
USodolophu woMasipala waseMbhashe uGqirha Samkelo Janda, kutshanje uthweswe isidanga sobuGqirhalwazi.
UMasipala waseBuffalo City ukhokele iphulo eCalifornia, eMonti.
UQhawekazi Mazaleni uza kwamkelwa ngezandla ezishushu eDutywa.
iSAHRC ithi amapolisa zange aphathe uqhanqalazo lwaseWSU ngendlela esemthethweni.
Amapolisa afumene imoto yesebe likarhulumente ebibiwe ibokoboko.
Amapolisa aseOR Tambo afumene iinkomo ezibiweyo.
USekela Ntloko weSebe lamaPolisa kuMasipala waseKurhuleni uJulius Mkhwanazi onqunyanyisiweyo enika ubungqina bakhe kwiKomishini kaMadlanga.
Isikolo samabanga aphantsi iElundini sifumene iziko elitsha lokufunda elisebenza ngamandla elanga elinikezelwe yiEngen.
ISebe loPhuhliso loLuntu lilumkisa abantu ngomyalezo wobuxoki omalunga nesibonelelo esitsha.
Amapolisa aseGonubie eMonti acela uncedo ekufaniseni umzimba wendoda eyabhubha kunyaka ophelileyo u2024.
UMbalula uthe indibano yeANC NGC ayizukuba malunga nokushenxiswa kukaRamaphosa emva kwamarhe anwenwayo.
Kwiinzame zokulwa izifo zezilwanyana, uGunyaziwe woLawulo lweMida woMzantsi Afrika uye wathimba amayeza ezilwanyana angene kweli lizwe.
ICoega iphindile yafumana uphicotho lweencwadi olucocekileyo.