Ngokubhalwe ngu: SIMMY FREDDIE
Intsunguzi yinyoba ehlathini ethi isetyenziswe ngumhambi ngeenjongo zokunqumla okanye ukugqitha ihlathi elo. Xa kuthe kwahlwa iba mnyama ibe sisithokothoko kangangokuba othe wahlwelwa endleleni akangekhe akwazi ukulufeza uhambo lwakhe. Isibane ke singaba lulutho olukhulu kuloo mhambi uthe wahlwelwa. Le ncwadi ifana neso sibane esifanelwe ukusetyenziswa ngabemi beli loMzantsi Afrika nanjengoko kucaca ukuba sibhadula ngesikaBhadakazi kwintsunguzi, ngenxa yeengxaki esigutyungelwe zizo ezidobelela phantsi intlalontle kweli lizwe.
Ndisitsho nje imbongi ayikhange iwangawangise icezele ecaleni kweengxaki esizifumana sikuzo ngokwentlalo gabalala. Umzekelo, kumhobe osihloko sithi, ‘ZIFUNE’, imbongi ikhuthaza abo bazibona bebhadula bengasazazi, izinto zingabahambeli kakuhle ebomini. Imbongi ithi masikhe sizibhence ukuze siqonde undonakele ngokuba, “Hlez’ ukufa kusembizeni.”
Kumhobe osihloko sithi, ‘NDIBHALA NDINESINGQUKRU!’ imbongi iye yajolisa ngqo kumba wokuxhatshazwa kwabantu basetyhini. Kha uve le mibuzo-buciko:
“Amanin’ abaziingqongqo na ngoku?
Amanenekaz’ abazizigculelo na namhla?
Oomama baziinkomo zokuxhwitha na?
Oosisi baziifayidukhwe na bethuna?
Owasetyhin’ akasenaxabiso na kule mihla?
Obhinqileyw’ akasabukwa na kwezi ntsuku?”
Le mbongi lichule ngokuba noxa ivakala ibuza nje, kwelinye icala iyakhalima. Ikhalimela ubungwanyalala bamadoda axhaphaza abantu basetyhini.
Kumhobe osihloko sithi, ‘ISIXHOSA SETHU’ imbongi iyasikhuthaza ukuba sizingce ngesiXhosa. Lo mbongo ubaluleke kakhulu ngokuba emva kogonyamelo olwalandelwa kukonganyelwa ngabantu baseNtshona nenkcubeko yabo, eyethu inkcubeko nolwimi namasiko azifumana sele ephantsi kogubungelo, kangangokuba sade sawanyemba kwangokwethu siwajongela phantsi. Imbongi ke ngoko iyasikhuthaza ukuba siphume kuloo mgibe.
Kumhobe osihloko sithi, ‘IKHORONA’ imbongi iye yazibalula ngokubalisa kangangokuba ndiyakholwa ukuba laa mbongo uza kuba ngomnye weyona mibongo iza kufundwa sisizukulwana esizayo xa sifuna ukwazi ngentlalo esikhe saba kuyo kweli lizwe. Ngalo mbongo-mbaliso imbongi isizobele umfanekiso-ngqondweni ocacayo, yayinabisa imeko yobhubhane weKhovidi-19. Kha uve nje xa isithi:
“Bagxwal’ emswaneni beliqaqobana.
Bezikhoth’ amanxeba beyimbinana.
Babeqelelene beziv’ ubukheswa.
Kwakusuke kwamnyama esibhakabhakeni,
Bexakwe yikhoron’ enuk’ umzondo.
Babebhuqwa bubulolo.
Bentywizisa bebekelwe bucala.”
Yimbali yelizwe jikelele le ibaliswa yimbongi. Kambe ke le mbongi lichule lokuyondelelanisa amagama. Kumhobe osihloko sithi, ‘INYAN’ EZEL’ UBUXOKI’ imbongi itsho ngesingqisho esimnandi kangangokuba umfundi uza kuthimbeka ade othuke umbongo sele uphelile esayolelwe ngenxa yesimbo sokubhala sale mbongi. Futhi ke le mbongi inzulu kakhulu kwaye amazwi ayo ayachukumisa. Kha uve le mvano-siphelo:
“Laa mzimba wawuzaz’ ibali lawo.
Wawubalisa ngamanxeba awo.
Wawubalis’ iinyembezi zawo.
Wawubalis’ uloyiko lwawo.”
Izikweko nezifaniso zidlal’ abantwana kulo mqulu. Mandikhankanye nje imigca emibini etyebe yade yateketeke zizafobe. Kule migca sifumana izikweko, imvano-siphelo nomfanekiso-ngqondweni weliso. Le migca ndiyicaphula kumhobe osihloko sawo sithi, ‘IMVULA’. Kha uve apha:
“Amaf’ anyakamile.
Isibhakabhaka sijamile.”
Kanti ke yiva nalu nothotho lwezifaniso:
“Le ntw’ ifana nqwa nesiyezi.
Le ntw’ ifana twatse nogawulayo.
Le ntw’ ifana ngqo nomhlaza.
Le ntw’ ifana kanye nerhatshalala.”
Ezi zifaniso zikumhobe osihloko sithi, ‘UMON’ UQAL’ ESWENI’. Kuloo mhobe imbongi ayikhange ibe ithalalisa isenza inkcitha-xesha, koko iye yawugxeka kanobom umona. Kodwa into eza kuthandwa ngumfundi yeyokuba le mbongi igxeka icebisa ngokuba kaloku kwakulo mhobe isebenzisa imvano-siphelo eyolisayo xa ichaza ukuba abo banomona mabathini na ukuze bazikhuphe kwesi sifo. Yiva le mvano-siphelo:
“Le ntw’ ifuna wen’ uzinyange.
Le ntw’ ifuna wen’ uzifune.
Le ntw’ ifuna wen’ uzinqande.
Le ntw’ ifuna wen’ uzithandazele!”
Uchasaniso sisafobe esinqabileyo kodwa hayi kule imbongi. Kumhobe osihloko sithi, ‘NDANDITYUMKILE’ siva imbongi idal’ uchasaniso ngolu hlobo:
“Kwathi cwaka kuthethwa!”
Kwowu! Le mbongi indikhumbuza abantu bakuthi xa besenza uchasaniso besithi ubani, “Wehl’ esenyuka”; “Ubhal’ ecima”; “Uphum’ engena”; njl.njl.
Ulwimi lwembongi lusulungekile kwaye lucwengile. Abo baza kuba nenyhweba yokuwuphicotha lo mqulu baza kutyatyadula bothuke sele begqibile oku komntwana owehla emtyibilizini. Ndisitsho nje le mbongi ikukhuthalele ukubhala ngokuba kaloku imibongo yayo mide, kodwa lowo ufundayo akayi kudikwa ngenxa yolwimi elusebenzisayo nesimbo sayo sokubhala. Imibongo yale mbongi iyakhalima, iyabalisa, kwaye iyachaza.
Ngaloo mazwi, yanga ingakhupha omnye umqulu kungekudala.
Umhlalutyi nguLihle Sokapase wakwaNgqa Phambili Publishing. Ukwanguye nomhleli kwaSoluncwadi (www.soluncwadi.co.za).