UMandlakayise Mfanta (46) ongumbhali. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
LIHLE SOKAPASE
UMandlakayise Mfanta (46) ngumbhali ozalelwe kwiphondo leMpuma Koloni kwilali yaseMbinzana esele iphantsi kweCofimvaba ngoku. Ufunde amabanga aphantsi eMbinzana J. S. S. nekwasisikolo esikwalapho elalini, iMbinzana. Uye wagqithela esinaleni kwalapho elalini kwisikolo esasidume kakhulu iMfanta S. S. S. Ufunde apho waya kugqiba ibanga leshumi ngomnyaka we1998.
Ukubhala yinto akhule isegazini kuye, noxa nje bekungekho lula ukuba apapashe. I’solezwe lesiXhosa likhe lahlala phantsi nalo mbhali lamfaka embokweni ngelifuna ukwazi banzi malunga nohambo lwakhe njengombhali, izinto ezimchukumisayo ukuze abhale, kwakunye neminqweno yakhe njengombhali. Imibuzo neempundulo zombhali iyalandela apha ngezantsi:
Ingaba ungasixelela ngohambo lwakho njengombhali nokuba yintoni ekuqhubele ekubeni ulandele eli ikhondo lokubhala?
Le nto ikukubhala iqale ukubonakala kwasekukhuleni kwam kumabanga aphantsi kuba ndaqala ngokuba nesimbo sokubhala imibongo ngabanye abafundi. Yakhula ke loo nto yokuthanda ukubhala ngabanye abafundi ngakumbi ukufika kwam esinaleni kwaye yaqapheleka yathandwa ngabafundi. Babede abanye abafundi bandicele ngemali ukuba ndibhale imibongo ngabo. Ndandingaphelelwa mazwi ke ndibatyibela ndibakhuphe kanye ngendlela abayiyo.
Ngaphandle kwaloo mibongo ndandiyibhala ngabafundi ndandikwanayo endandimana ukuzibhalela yona ndiyiqokelela ndinephupha lokuba ngenye imini ndiya kuze ndipapashe incwadi yam yemibongo. Kodwa ke kuba ndingumntu okhulele emaphandleni nangenxa yokuba ngaloo maxesha ulwazi ngopapasho lweencwadi lwalunqabe lufana namanz’ entlango, azange liye ndawo iphupha lam.
Ndithe ndakufika edyunivesithi sakhula isakhono sam ekubhaleni noxa ndandingade ndipapashe ncwadi nje. Konke endandikubhala ndandiye ndikubhale ndikugcine kum ndimana ukuzifundela. Kwakhula ngakumbi ukuzithemba ukuhlangana kwam nabanye ababhali nasemva kokuba ndandimana ukwabelana nabahlobo bam kuFacebook ngendithe ndakubhala ndive izimvo zabo ngako. Kulapho ke saye sathabatha isigqibo, mna noogxa bam ababini sokuba sihlangene sipapashe incwadi eyingqokelela yemibongo esihloko sayo sithi, ‘ISITHEBE’. Loo ncwadi ithe yakuba yimpumelelo ndanesibindi nokuzithemba ndapapasha inoveli esihloko sithi, ‘NDIDADE NDAWELA’, nayo ibe yimpumelelo. Nangoku asemaninzi kakhulu amabali endiwabhalayo nendinethemba lokuba aza kupapashwa.
Njengoko sele utshilo ukuba ubhale incwadi yemibongo kunye nenoveli, ingaba kwahluke kanjani kuwe ukubhala ezi ndidi zimbini zoncwadi?
Ekukhuleni kwam ndibhale kakhulu imibongo nendiyifumana inika umdla kakhulu kuba ifuna ubuchule bokuwubeka umxholo obanzi ngamagama nje ambalwa. Loo nto ke ithi xa ubhala umbongo awunalo ixesha lokubalisa ibali elide koko kufanele ufutshanise ngokuthi usebenzise amagama antsingiselo yawo ixandileyo. Apha ke isivakalisi ngasinye sityeba siwe amacala yintsingiselo nalapho ofundayo kufanele aye nzulu ekuyikhangeleni. Akululanga ke xa ungumntu ongenaso isakhono netalente ukubhala olu hlobo loncwadi.
Inoveli ke yona ndiyifumana imnandi ngokuthi ikunika ithuba elaneleyo lokucacisa oko unqwenela ukukucacisa. Unexesha nephepha elaneleyo lokuzoba umfanekiso-ngqondweni kofundayo ngoko ukubalisayo. Ndiyatyibilika ke xa ndibhala inoveli kuba ndingekho phantsi koxinizelelo lwexesha nokucinga kakhulu ngesigama esinamandla nesinesingqi emandisisebenzise. Uye ube kuloo nkululeko ke uveze uburharha bakho nobuchule bokubalisa.
Inoveli yakho ethi ‘NDIDADE NDAWELA’ inebali elitsala umdla kakhulu kwaye ibali liyondelelana kakuhle kangangokuba umntu angade athi ubalisa iziganeko eziyinyaniso. Yintoni eyakukhuthaza ukuba ubhale eli bali linomxholo okhethekileyo?
Ndithe ngoku sele ndisedyunivesithi (UNISA) ndisenza iSecurity Management ndahlangana neemodyuli zeCriminology nalapho ndiye ndafunda kakhulu ngezizathu ezenza amabanjwa aphuma entolongweni abone kungcono kwasentolongweni kunangaphandle. Esinye sezizathu ezingunobangela woku kukungamkeleki kwawo ekuhlaleni emva kokuba ekhululwe entolongweni. Oku kubangela ukuba abantu abaphuma entolongweni babuyele kubunjubaqa kwakhona ngenjongo zokubuyela entolongweni nekulapho baye babone kungcono khona.
Kumnandi ke ukubalisa ibali eliyingqwebo kuba kuye kube lula ukulenza lihambelane ngqo nalo mxholo ufuna ukuwubhentsisa kulowo ufundayo. Akululanga kaloku ukufumana ibali eliyinyani eliza kuhambelana ngqo nalo mxholo unqwenela ukulumkisa uluntu ngawo. Ingqwebo ke yakheka lula ingqamane nomxholo lowo ufuna ukufundisa uluntu ngawo.
Isihloko senoveli yakho ezayo esithi, ‘ING’ IYAYIKHOTHA KANTI IYAYIXATHULA,’ sinika umdla kakhulu. Ingaba ungasithela thsuphe ngomxholo oqulethwe kule noveli izayo?
Kubudlelwane esiye sibe nabo nezinqandamathe zethu okanye amaqabane ethu emitshatweni kuye kube khona amaxesha apho siye siphathane gadalala nadlakadlaka. Kulapho ke kuye kuphele nothando bude nobudlelwane obo buqhawuke. Amaxesha amaninzi kuye kuthi kwakuba nje kuvuke inzondo nokufungelana. Siye sithi ke sakuphuphuma isixhiba nenzondo kungakhethwa, koko sityekezelwe nakubani na olixhoba elikufutshane. Ukuba uyindoda, uye ufungele nabani na olibhinqa ohlangana naye ebomini wenze amayelenqe okuziphindezela ngenxa yoko waye wakwenziwa ngulowo wawukhe wathandana naye ngaphambili. Xa ulibhinqa uye ufunge umunce iintupha ngelithi uza kuziphindezela nakweyiphi na indoda ohlangana nayo ebomini.
Njengomntu uyifundileyo inoveli yakho yokuqala, ndingatsho ukuba unendlela yakho ekhethekileyo yokuchukumisa iimvakalelo zomfundi. Wenza njani ukuba ibali livakale linyaniseke kangangokuba lide limchukumise umfundi?
Njengoko bendikhe ndakhankanya ngaphambili, kuninzi oye ukufunde xa ubhala imibongo. Oku kuquka ukukwazi ukukhetha amagama anamandla okuvuselela usizi, inkxalabo, ulonwabo njalo-njalo kulowo ufundayo. Obu buchule bokukwazi ukukhetha amagama ke ndiye ndibusebenzise kakhulu xa ndibhala inoveli kwaye ndijongile nje buyandisebenzela.
Okwesibini xa ungumbhali weenoveli kufuneka ube nobuchule bokuzoba umfanekiso ngqondweni khon’ ukuze lowo ufundayo alilandele lula kwaye alonwabele ibali. Kulapha ke apho uthi njengombhali ubukhuphe bubonakale uburharha bakho apho kukho imfuneko. Kulapho ulifumana khona ithuba lokuvuselela usizi nenkxalabo xa kukho imfuneko ngokuthi ukhethe amagama achukumisa intliziyo yalowo ufundayo.
Kubaluleke kangakanani ukuba ababhali bazinikele eluntwini bangapheleli ekubhaleni nje kuphela, kwaye leliphi icebiso onalo kubabhali abasakhasayo?
Kubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuba ekuhlaleni singababhali siba negalelo ekukhuthazeni ukufundwa kweencwadi ingakumbi kubantwana abasakhulayo nabakumabanga aphantsi. Kaloku inkcubeko yinkcubeko ngolwimi kwaye iyatshabalala xa ulwimi luyekiwe lwatshabalala. Isizwe nesizwe imbali nenkcubeko yaso siyibhala futhi siyibalise ngolwimi lwaso. Isizwe nesizwe amasiko aso siwenza ngolwimi lwaso kwaye oko kuye kudluliselwe kwisizukulwana kwangolu lwimi lunye. Ngoko ke asiyonto ngaphandle kolwimi lwethu. Kungoko ke kubalulekile ukuba thina singababhali sikukhuthalele ukufundisa uluntu ngokubaluleka kokufundwa kolwimi kwakunye nokuthethwa kwalo kwiindawo esihlala kuzo. Masingabhali nje iincwadi kuphela koko sikhuthaze uluntu ngokufundwa kwazo.
Ingaba indlela obhala ngayo itshintshe okanye ikhule kangakanani ukusukela kwinoveli yakho yokuqala, kwaye zeziphi izifundo ozifundileyo endleleni?
Ndizibona ndikhule kakhulu njengombhali ukusukela ukuqala kwam ukubhala. Xa ndithetha phandle, isigama endisisebenzisayo kule mihla sikhule kakhulu xa ndisithelekisa neso ndandisisebenzisa ngaphambili. Oku kwenziwa kukuthi ndingumntu othanda kakhulu ukufunda iincwadi zabanye ababhali. Okunye okundenze ndamhle nangakumbi kukuzilolonga ngokuzibhalela amabalana amafutshane endiye ndibuye kwamna ndizifundele wona ndizame nokuhlela. Amanye ke ndiye ndabelane ngawo nabahlobo bam kuFacebook ndive nezimvo zabo.
Ingaba bakhona ababhali abathile okanye imisebenzi yoncwadi ephembelele isimbo sakho sokubhala okanye indlela olubona ngayo uncwadi?
Ewe baninzi ababhali endithi ndakufunda iincwadi ezibhalwe ngabo ndizive ndikhuthazeka kakhulu ekubhaleni nekungabo abandenze ndangashenxi kwiphupha lam lokuba ngumbhali weencwadi. UBaw’ uNcedile Saule ngomnye wabo ngakumbi kwinoveli yakhe egqwesileyo esihloko sithi, ‘Ukhozi Olumaphiko’. Abanye ababhali baquka ooG.B.S. Xundu, Siphatheleni Kula, W.N. Mbovane, noW.K. Tamsanqa.
Yintoni umnqweno wakho ngefuthe losiba lwakho kubantu abafunda iincwadi zakho? Ubunga ungakhunjulwa njani umsebenzi wakho kule nquleqhu yoncwadi?
Umnqweno wam ngowokuba onke amathala eencwadi kweli abe nazo iincwadi zam. Elinye iphupha endinalo lelokuba amanye amabali am ndiwajike ndiwenze imidlalo bhanyabhanya ukuze kuxhamle nabo bathanda ukubukela kunokufunda. Umnqweno wam kukuba imfundiso ekwezi noveli ifikelele kwaye ikwazi ukuguqula iintliziyo neengqondo zesininzi sabantu kweli lizwe ngokwemixholo ezigxile kuyo. Okunye endinqwenela zikwenze iincwadi endizibhalileyo kukufundisa nokuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa kwabo bazifundayo.
Ingaba ungabelana nathi ngamabali okanye amava angalibalekiyo kuhambo lwakho njengombhali? Ingaba kukho amaxesha athile oqonda ukuba akhethekile yaye aya kuhlala ehleli engqondweni yakho?
Kumnandi ukuva izimvo zabafundi xa beyigqibile ukuyifunda incwadi oyibhalileyo kodwa kwinoveli yam yokuqala le ithi ‘Ndidade Ndawela’ ndothuswa kukufumana iminxeba evela kubafundi bequmbe bezizifu besithi bamvela usizi umlinganiswa oyintloko , uSikho Sibango, kwintlungu azibona egaxeleka kuyo ukuphuma kwakhe entolongweni. Bendiye ndibone ke ukuba ndiqunjelwe njengombhali wencwadi ngabafundi ngesenzo sam sokumfaka engxakini lo mlinganiswa oyintloko.
Bendiye ndihleke ndilale ke kuba kwabona xa besiya ekugqibeleni encwadini ukuyifunda bendibona ngabo benditsalela umnxeba kwakhona bechwayitile kuba lo mlinganiswa ubhungcile kwiingxaki ebebambeke kuzo. Ubuye ubone ke ukuba ndiyathandwa kwakhona kuba ekugqibeleni ndimonyule kuloo ngxingongo ebezibona egaxeleke kuyo uSikho Sibango kule noveli.
Bubuchule obubalulekileyo ke obo bombhali weenoveli, bokufaka umlinganiswa oyintloko ezingxakini zisuka nje encwadini ukuze oyifundayo angakwazi konke ukuyibeka phantsi incwadi elindele ukuva ukuba uya kuphuma njani na kwezo ngxaki azibona ekuzo.
Xa ke ndifumana izimvo ezikumila kunje njengombhali ndiyachwayita kuba incwadi ndiyibhala kanye ngenjongo yokuvuselela loo nkxalabo kofundayo nendiye ndiphinde ndiyiphulule ngokukhulula umlinganiswa lowo usengxakini, kutsho kuthi xibilili kumfundi.