Izimvo

Umdiyadiya wodonga lweDA eKapa sisithuko esinjongo ikukufihla iindawo zabantu emehlweni abelungu

Makhi Feni|Published

IDemocratic Alliance ifuna ukwakha udonga kuN2 waseKapa.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Udonga oluphakanyiswayo ngabeDemocratic Alliance kweleKapa lubonakalisa mhlophe ukuba abelungu abakwakamkeli ukuba abantu abamnyama bakhululekile ngenene. Lidabi eli elingafanele kuyekwa yaye ukuba kufuneka kunyolwane, mazilime ziy’ etyeni. 

Ukubhula nje umbethe, abantu abamnyama basoloko bekhala ngokucalulwa, hayi ngabelungu kuphela koko nabebala. Mva nje kuyacaca ukuba nabamazwe angaphandle ngoku bayazenzela.

Mandikubeke kucace ukuba iKapa asiyodolophu yabelungu, abebala, nabemi bangaphandle. Koko liyidolophu ekwilizwe loMzantsi Afrika, ilizwe labantu abamnyama nookhoko babo.

Akukho mntu uza kutabhata esenza unothanda eKapa, egqibela abanye ngokwakha umdiyadiya wokufihla iindawo okanye amatyotyombe abantu kubatyeleli. Ukuba kulihlazo ukuhlala etyotyombeni, amaBhulu mawatsho, yaye mawenze into ngalo nto, kungenjalo mawathule ngonaphakade.

Abantu abamnyama, nabankoliso isuka eMpuma Koloni, abasayi kuze bakhelwe zindlu, ngaphandle kwenkwalambisa nesisoloko siyibona komabonakude. 

EKapa kunzima ngokuba umhlaba unqongophele. Abantu basalinde imbuyekezo ecacileyo ngokwabehlela ngaphantsi kwenkqubo yocalulo. Ngoku uSodolophu wesa Sixeko, uthe bhintshintshi, ubuyisa ucalulo, kunokuba enze njengezithembiso zabo.

Oko unyaka uqalile uSodolophu weDA uMnu. Geordin Hill-Lewis usimele ngokuba ufuna ukuchitha izizumpulu zezigidi esakha udonga olungqindilili ecaleni kohola wendlela uN2, ukusuka malunga nesikhululo seenqwelomoya ukuya kuma edolophini eKapa. Isiphakamiso sipasisiwe libhunga likamasipala weleKapa yaye umsebenzi uza kuqala kungentsuku zatywala.

Esi siphakamiso sibonakalisa mhlophe ukuba ucalucalulo zange lwaphela kweleKapa, nto leyo abantu basoloko beyitsho budlalarha. Ubuqhinga bokuba bakhangela ukuthintela izenzo zobundlobongela nolwaphulomthetho bubuqhetseba nenkohliso. Inyaniso kukuba abelungu bakhangele ukufihla ugrukugro lwamatyotyombe, nathandele uN2, kumehlo abatyeleli abafikela kwisikhululo seenqwelomoya eKapa.

Andikhangelanga kwenza lunxulumaniso lwalo mbono, namakhwelo okuba iKapa libe nguzimele geqe welizwe. Kodwa kunganzima ukugatya ababona ngolo hlobo. Ezi zithukuthuku zeentetho zikhomba apho.

Lucalucalulo lwabantu le nto, yaye amaqhinga abelungu ngoku agqibelele. Ngoku abasabadingi abantu abamnyama nabasuka kweleMpuma Koloni, emva kokubaxhaphaza iminyaka nabazali babo, nooyisemkhulu babo. Abasebenzi makhitshini nasezigadini bahlala nabo ezidolophini yaye ngabemi baseZimbabwe. La ngamakhoboka abangawabhataliyo, koko bababuyekeza ngokubanika amagumbi okufihla iintloko nabantwana babo namadoda abo. Abanecham bafundiselwa abantwana kwizikolo zabelungu – simahla. 

Abelungu bayabona ngoku ukuba akukho abakudinga kubantu, yaye bafuna ukubuyisa umgaqonkqubo kaHendrik Verwoed wokugxotha imidaka eKapa kusetyenziswa indlela yokuba bangaphangeli abantu, bavalelwe nendlala ezindlwini.

Yinkwalambisa yemfitshimfitshi le yokuba “kukhuselwa abatyeleli kulwaphulomthetho”. Phofu kwesi sintsompothi samanyala akuthethwa nto ngabantu baseNyanga, New Rest, naseGugulethu, nabachaphazeleka ukodlula aba batyeleli lolu lwaphulomthetho. Kwenzeka njani ukuba kukhangelwe ukukhusela amandwendwe nabantu abasuka ngaphandle kweli, abalapha abantu besifa mihla le ngevolovolo? Zizinto ezi umntu azibuza eziphendula, ngoba azinasiseko sicacileyo, nantsusa ingqalileyo.

Esi siphakamiso siyafuna ukubazelwa iliso ingakumbi eburhulumenteni. Ukuba sikuyekile oku, yintoni eya kunqanda abelungu ukuba babuyise inkqubo yeDompas ukuba le yodonga iyaphumelela? Ayikho. Eli lithuba lokuba abantu bangqishe phantsi ngelizwe labo batsho ngazwinye ukuba ucalulo alusayi kubuya kweli lizwe.

Ewe eburhulumenteni ukuhlalisa abantu ngokuhlangeneyo kuphanzile tu, yaye amatiletile onke aphelele emoyeni ngathi ngumbethe ukunyuka kwelanga. Kodwa oku akuthi makuchithwe amanzi. Siza kuthetha singxole ngale nto ngoba abantu abakabuyekezwa ngokwaphenjwa ngabelungu, kwabaselwa ngamaBhulu kweli lizwe. 

Ngethuba ebekumele ukuba sixoxa ngembuyekezo, galakangqa zangena iindwendwe, nangoku zithe gabhu kwimiba yekhaya edla umzi. Imbuyekezo siyayifuna yaye abantu abamele ukusibuyekeza ngaba belungu bakhetha abemi bakoomaZimbabwe ngaphambi kwethu namhlanje.

Le nto ibonakalisa mhlophe ukuba umgaqosiseko awenzanga njengoko kwakulindelwe, kulindelekile. Abantu beli bayakudinga ukuxhaswa ngurhulumente nganxa zonke, ukuqalela kumashishini asakhasayo, ubuchule bokusebenza ngezandla, imfundo nomnye nje unobenani. Singabuya sithethe nangomhlaba abantu bakuxhobiseka. 

Le yodonga yeyokugqibela yaye kumazwe akude yenziwa ngokuba abantu bethiyene.

NgesiXhosa nje sasekhaya abelungu mabaye kwasathana. Udonga asilufuni, luluphawu lokucalula abantu ngebala, lukwabuyisela urhulumente kazwelonkwe umva. Lubonakalisa ubuhlanga obuhlazayo nokubaluhlaza kubelungu ngengqiqo. Ukuba oko kwakhiwa kwalo kwenzekile iya kuba lilishwa nokubuyisela ilizwe lethu kwaFaro, nalapho sakhutshwa khona ngegazi nokufa. Abantu mabaphakame kwangoku luchithwe, luchilwe luliwe. IKapa lelethu sonke thina bemi beli lizwe. Ziyemka iinkomo magwalandini, wayetshilo umfundisi uW.B. Rubusana.

UMakhi Feni lilungu lePalamente ukwanguSihlalo weKomiti yezeMfundo ngaphantsi kweGqiza labathunywa bamaphondo (NCOP).

Image: Uthunyelwe

UMakhi Feni lilungu lePalamente ukwanguSihlalo weKomiti yezeMfundo ngaphantsi kweGqiza labathunywa bamaphondo (NCOP). Olu luluvo lwakhe naluvakalisayo njengesiqu.