UBathandwa Xhaka yimbongi yosiba elibukhali okwangumhlohli wesiXhosa kwiyunivesithi eseNtshona Koloni.
Image: Bathandwa Xhaka
Ingaba sakwenza ntoni na?
Namhla umzi kabawo sele uyinto yokuhlekisa
Kwisizwe sokhokho bethu sele siyintlekisa
Kuba kaloku wathatha intsika yekhaya
Wasihlutha ngendluzula isidima seli khaya
Kuyintoni na ukufela izono zabazali?
Ndibunyembezarha ndakulibalisa eli bali
Elam ithemba alinakuvuselelwa nanguMdali
Eyam intlungu andinakuyiphalaza nakubani
Ingaba sakwenza ntoni na?
kweli khayaWatshabalalisa imfuyo, umniniyo kwavalwa kwelikhaya
Walixabanis’usapho bajikelana abantwana belikhaya
Mhlawumbi ityala lam ibikukuzalwa?
We! cwaka uQamata kusonakala
Ingaba sakwenza ntoni na kwelikhaya?