UBathandwa Xhaka yimbongi yosiba ekwicandelo lezeelwimi kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni.
Image: Uthunyelwe
Lali mathumb’antaka mhla ulifulayithela eli,
Imini eyagqithayo endingasoze ndiyilibale nanini,
Mhla undishiya ndingenabani,
Mhla ndandingazi nokuba ndikhale kubani,
Kuba lali mathumba ntaka mhla ulifulayithela eli
Ndathi kunyembelekile wakub’uhambile
Ndathi undingcwabe ndiphila wakub’undishiyile
Bambi bethi ukweloobawo omkhulu wen’ufikile
Bambi bethi ugqatso wena ulifezile
Uhambo lwakho mna lundethusile
Kuba lali mathumba ntaka mhla ulifulayithela eli
Washiya isizukulwana sikaBaw’uDuma
Usishiya neemfundiso, ewe ndiyavuma
Kodwa uhambo lwakho, lwandigqebha iinduma
Ezingenakunyangwa nangoosiyazi
Hamba kakuhle ke Novaphi
Hamba kakuhle ke sikhosana
Hamba kakuhle ke ntomb’ikaMazubula
Hamba kakuhle ke ntombendala
Uhambo lwakho lundethusile
Umbongo ubhalwe nguBathandwa Xhaka okwicandelo lezeelwimi kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape).