Izimvo

Uhambo lwakho lundethusile

Bathandwa Xhaka|Published

UBathandwa Xhaka yimbongi yosiba ekwicandelo lezeelwimi kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni.

Image: Uthunyelwe

Lali mathumb’antaka mhla ulifulayithela eli,

Imini eyagqithayo endingasoze ndiyilibale nanini,

Mhla undishiya ndingenabani,

Mhla ndandingazi nokuba ndikhale kubani,

Kuba lali mathumba ntaka mhla ulifulayithela eli

Ndathi kunyembelekile wakub’uhambile

Ndathi undingcwabe ndiphila wakub’undishiyile

Bambi bethi ukweloobawo omkhulu wen’ufikile

Bambi bethi ugqatso wena ulifezile

Uhambo lwakho mna lundethusile

Kuba lali mathumba ntaka mhla ulifulayithela eli

Washiya isizukulwana sikaBaw’uDuma

Usishiya neemfundiso, ewe ndiyavuma

Kodwa uhambo lwakho, lwandigqebha iinduma

Ezingenakunyangwa nangoosiyazi

Hamba kakuhle ke Novaphi

Hamba kakuhle ke sikhosana

Hamba kakuhle ke ntomb’ikaMazubula

Hamba kakuhle ke ntombendala

Uhambo lwakho lundethusile

 

Umbongo ubhalwe nguBathandwa Xhaka okwicandelo lezeelwimi kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape).