Izimvo

Thuthuzelekani Nto Zakowethu

Lihle Sokapase|Published

Umzimba womntu obhubhileyo ehlangulwa eMthatha nobhubhe ngenxa yezikhukula ezihlasele le ndawo.

Image: Uthunyelwe

Ingaba sisibetho kusini na?

Babe ke phofu babethelwan’ abantwana bakaTato?

Lube lubethelwani lon’ usapho lukaPhalo?

Phofu ke sikhe sazibona zisitsho kwaZul’ ezi zikhukula.

Nani bantu baseMdantsane asiyilibelang’ intlungu yenu.

Ngoku sizibona zikhukulis’ umntu nomzi wakh’ eMthatha naseGcuwa.

Sekucacile ngok’ ukub’ ezi zikhukula zityhutyh’ eli lizwe.

Ingaba kukhw’ intw’ esiyixelelwayo esingade siyive?

Kutheni ngoku zaquqa zibuyelel’ oku kolutsh’ etywaleni?

Thuthuzelekani nto zakowethu.

Ndigxwal’ emswaneni ngenxa yale ntlekele.

 

Umoya wam udandathekile yile lahleko,

Ilahleko yemiphefumlo nentsebenzo.

Bemk’ abant’ abadala bengayolelanga.

Lwemk’ ulutsh’ indima lungayenzanga.

Intsebenzo yomntu yeminyaka yanyamalala.

Konk’ abekucwangcisel’ usapho lwakhe kwatshabalala,

Ngenxa yezikhukul’ ezifike zasuba zashiya xavalala.

Wazibhaq’ umntu sel’ eyimbac’ exhwarh’ emizin’ engalindelanga.

 

Kodwa kuwo wonke lo monakalo wezi zikhukula,

Ingase kuthi kanti zisishiya sihlambekile sinyulu,

Sinyulu simsulwa sisulungeke njengabantwana.

Siphum’ ekuthakathelen’ izikhundl’ ezingasifanelanga.

Siphum’ ekuthakathelen’ imal’ esingayisebenzelanga.

Siphum’ ekudilizen’ imiz’ esingayakhanga.

Siphum’ ekulukuhlen’ abantu kuba bengakhonzwanga;

Sibasa ngapha nangapha singanyanisekanga.

 

Ngani na ukuba zingasihlambi zisishiye singabantwan’ abahle?

Zisishiye sihombel’ ilizwe nganxa zonke,

Hayi nje ngokwasenyameni kodwa nangokwasemoyeni,

Kutsho kubhang’ onk’ amabhung’ asebumnyameni.

Kutsho kubekh’ uxol’ elizweni likaTato.

Kutsho kubekh’ uxol’ elizweni likaPhalo.

Kucac’ ukuba bekukhe kwakhw’ izikhukula zasikhucula.

Zakhukulisa wonk’ umona zasiphucula.

 

Ndee tyuu!

Tshoniyani!