Izimvo

Umbhodamo wokukhululwa kukaNobhala Jikele uFloyd Shivambu kwiMK Party

Hlumelo Xaba and Sandile Swana|Published

UFloyd Shivambu osusiweyo njengoNobhala Jikelele weMK Party.

Image: Tumi Pakkies

Umbutho weMK Party ujongene nodushe oluphakathi kwesikhokelo sawo kunye namalungu, ingakumbi ukruthakruthwano oluphakathi kwabo baphethe amaphondo neziphaluka zeMK Party kunye nabaphethe kuzwelonke (MK Party High Command). Inkosi ayinyanga, nelizwi alikho linye kwiMK Party. Sele kulithuba udushe lumana luphutshuluka, luqhambuka, kuyintlaba zahlukane.

Olu dushe lwaqala ukucaca ngexesha kwakukho ingxabano phakathi koMongameli wombutho uJacob Zuma kunye noJabulani Khumalo, owayesakuba lilungu kunye nowayezichaze ngokuba nguye uMongameli ofanelekileyo weMK Party, ngenxa yokuba umbutho wawubhaliswe ngegama lakhe kwikomishoni yonyulo eMzantsi Afrika (IEC). Kwavela nabanye bezichaza ukuba bangabona baseki beMK Party, phakathi kwabo bathi bangabaseki kwakhukho uMcDonald Mathabe noDali Mpofu.

Le ngxabano yakhokelela ekunqunyanyisweni kukaKhumalo yabonakalisa iimpawu zobuthathaka kubume besikhokhelo seMK Party, kungekapheli neenyanga ezilishumi usekiwe lo mbutho. Ukunqunyanyiswa kwenkokeli kwisikhokelo esiphezulu salo mbutho esibizwa ngukuba yiNational High Command, kuye kwabonakala kungathi yinto evamileyo emveni kweenguqu ebezimane zisenziwa izihlandlo eziliqela ePalamente nasembuthweni.

Kutshintshatshintshwe uNondyebo noNobhala Jikelele amatyeli aliqela, uShivambu ngowesihlanu uNobhala walo mbutho. Akude kucace ukuba ngubani oza kuba nguNobhala wesithandathu kwiMK Party. 

Ukunqunyanyiswa kukaShivambu njengoNobhala Jikelele walo mbutho emveni kweenyanga nje ezimbalwa emiselwe kwesi sikhundla asiyonto ibothusileyo abanye abantu. Isizathu kukuba yindlela umgaqo-siseko walo mbutho obhalwe ngayo, apho zonke izigqibo zithathwa nguMongameli yedwa, ingakumbi ezobukhokeli.

Unobangela ochazwe yiMK Party wale ngxubakaxaka phakathi koShivambu kunye neMK Party lutyelelo lwakhe lwaseMalawi ngePasika kwinkonzo kaShepherd Bushiri osajongene namatyala aquka ukudlwengula, ukophula imithetho yokufudukela eMzantsi Afrika, norhwaphilizo ngexesha eseseMzantsi Afrika.

Olu tyelelo luzise inkxalabo nokungoneliseki kumaqela amaninzi ezopolitiko eMzantsi Afrika. Ibe kanti uShivambu bebesebebaninzi kakade abamrhalela ngesagweba ngenxa yokupolitika kwakhe kule minyaka egqithileyo. UShivambu waziwa umhlaba wonke ngokulwela ukubuyiswa komhlaba wabantu abamnyama, nto leyo enyola amabhulu, aphinde adume ngePay back the money, apho wayetshotsha entla efuna ukuba uZuma abuyise zonke iimali ezatyiwa ngondlela mnyama eNkandla, kanti ke kwayena wayentyumpantyumpeka kwizityholo zokutyiwa kweemali zeVBS. Yonke loo nto imfakela inzondo phakathi kwabezopolitiko.

Esi sigqibo sokwehliswa kukaShivambu kwisikhundla sokuba nguNobhala Jikelele weMK Party abe lilungu lasePalamente elingabalulekanga sibeka emngciphekweni ikamva lakhe kwezopolitiko eMzantsi Afrika. Kukhangeleka ingathi igalelo nobukho bakhe busenokungabi nafuthe ngohlobo ebenalo ngexesha ebekwisigqeba seNational High Command yeMK Party.

Kwakhona, isikhundla sakhe esitsha ePalamente singangabina futhe njengangokuya wayesenguSekela Mongameli wombutho iEFF kunye noMbhexeshi oyiNtloko wayo iEFF ePalamente (Chief Whip). Konke oku kwenza ukuba libemfiliba ikamva lakhe kwezopolitiko kwiMK Party. Nokuba nje ethe uyalwamkela olu tshintsho, ukuzithemba kwakhe njengosopolitiki eMzantsi Afrika kwehlile. Usuke wangathi yinkukhu enethiweyo ngoku.

Kwelinye icala, kuyafuneka sijonge into yokuba uShivambu ukhe waswantsulisana noDuduzile Zuma okwayintombi kaJacob Zuma aphinde abe yinduku esekhosi yakhe uZuma. UDuduzile wakhupha izithuko nezinyembo ezalatha ukuba uShivambu akawenzi ngokufanekileyo umsebenzi wakhe kwiMK Party, nabanye bayatsho ukuba akakhathali, akahoyi.

KuTshazimpuzi ka2025 ilungu leMK Party uSrini Naidoo wakhalazela ukuba uShivambu ucuthe imivuzo yamalungu namabasebenzi beMK Party ngokungafanelekanga, waphinda wavala neeofisi zengingqi eziyi26 zeMK Party. UShivambu uyasolwa ngokuba nguzwilakhe, nangokufaka abantu asuka nabo kwiEFF kwizikhundla eziphezulu, njengoBusisiwe Mkhwebane owayezama ukumfaka kwisikhundla sikaMary Phadi, eMpumalanga.

UPhadi lo ubonakala enezoso neziphika, futhi ulikhuphe latsola elokuba uShivambu makakhutshwe afakwe uphum’ aphele kwiMK Party. Loo nto ithetha ukuba, kukho iinkunzi neenkunzana kwesa sibaya seMK Party, lo kaShivambu angakhange aziqaphele de zabe zimfaka uphondo. Eli lishwa likwamchwechwele noJimmy Manyi, naye osanda kukhululwa ekubeni nguMbhexeshi wamaLungu ePalamente eMK Party, ngokubonakala ukuba ingathi abatshayi nganqawe inye noGqirha John Hlophe.

Iyonke lo nto yenza ukuba kungabikho kuzinza kwesikhokelo ngaphakathi kuyo iMK Party kuphinde kubekho nenguqunguquko naphaya ePalamente kwicala leMK Party, baphuma bengena, bemana betshintshana ngezikhundla. Ilithibazile igalelo leMK Party ngenxa isizwe besijijisana nohlahlo lwabiwo mali oluseyintsinda badala kuba ayicaci into yokuba luza kukhuliswa yintoni na uqoqosho loMzantsi Afrika xa uhlahlo lwabiwo mali luqine kangaka. Iingqondi kwezoqoqosho nezimali eziphaya kwiMK Party ingathi zizimele, asiva zimvo zazo ngeli xesha kanye bekumele ziyakhonya zigquba etshatshalazeni, koko, zizimele. Ngokucacileyo olwa dushe nombhodamo oqhubekayo kwiMK Party uyazidodobalisa neengqondo zabo, kuthuthente negalelo layo iMK Party njengeqela eliphikisayo elisesikweni eMzantsi Afrika.

Ukuqhekeka kwabathile bephuma kwiEFF besiya kwiMK Party ingathi kuzithuntile iinkokeli ezithile ezisahlumayo ezifana noShivambu noNdlozi, uphelile unyaka igalelo labo esizweni lingasacaci kakuhle njengangaphambili. Sisajongile kuba ezi nkokeli ziselula zingesingephi na, okwangoku ooShivambu basemathambekeni amyatyibilizi.