UGqirha Nokuzola Mndende.
Image: NMU
Xa ndiphengulula amasiko awayesenziwa ngookhokho bethu mandulo phaya naphambi kwale nkululeko yeli lizwe lethu, zange ndakhe ndeva kusithiwa kwakhe kwenziwa umgidi wenkwenkwe eyabhubhayo kuba isithi ayamkeleki kwibhunga lamadoda awaswelekayo. Le nto isuke yaxhaphaka ngoku sithe salwela ukukhululeka kwenkolo yomntu ontsundu, hayi abayigxobhi ngoku usuke ungazi nokuba siphilile na apha entloko. Ke loo nto imikhuba iyanda, umntu usuke angazi nokuba utshaba lutshintshe isinxibo na, okanye siyangcatshwa kwangabethu; sozuve, ngamanyala la enzekayo.
Okokuqala ithongo liyatolikwa, hayi ngoku ngumdlalo waseqongeni, namdlalo owenza iintloni kuba sizintlekisa kwaba bantu bebesoloko besinyhasha ngenkolo yethu abathi inokungcola. Ndingekade nje ndingene nzulu, ndinemibuzo engekade iphendulwe. Umzekelo; kutheni singekeva ukuba umntwana owabhubha eyintombazana kuthiwe uyavela esithi ufuna ukwenzelwa intambo okanye intonjane kuba ngoku ukhulile? Kutheni singekeva ukuba umntwana owabhubha engekaqatywa uthi mdala ngoku ufuna ukuqatywa? Kutheni singekayiva into yokuba lowo wayebhubhe esisidlwengu okanye umbulali uyavela kwabakubo ukuba bamhlambe kuba akamkeleki ezihlweleni kuba zisithi wazihlaza wayibulala indlu entsundu? Kutheni lo mkhuba ukwelicala lootata kodwa ukufa kunye. Kwezi ntlanga zingolusiyo, ingaba zona azizozihlwele? Okanye izihlwele zihlala ngokobuzwe bazo, amaXhosa ahlala odwa? Haybo akukho mntu owakhe wabhubha waphinda wabuya, ayikho le.
Kwaba bantwana baninzi kangaka babhubhayo bengamakhwenkwe kutheni yanguye yedwa lo ungamkelwayo kula nyambalala yemimoya, aba babhubha ngemfuduko bebhubhela esithubeni, bona bavela kubani befuna ukukhuliswa? Ingaba phaya kwelemimoya inyama yamaXhosa ayiboli yona le nto isafuna ukusiwa esuthwini? Makhe silungiseni ukuqiqa ntozakuthi, makungadlalwa undize ngenkolo yookhokho bethu. Mayingathi yayicinezelwe kangaka, sithi gqi siyenza intlekisa.
Masibuye size apha kulo mhlola womgidi kamfi; okokuqala ithongo sithi liphupha elithethayo, ngoko ke liyatolikwa. Okokubangaba sithi umfi uthi ufuna umgidi, nitsho niwenze; kutheni lento amanye amaphupha niwatolika? Andikeva mntu ophuphe etshona esizibeni aze kusasa avuke ayokuzintywilisela kwesa siziba ebesithongile, okanye aphuphe inkomo ingena endlini aze yena avuke aye ebuhlanti afike aqhube inkomo ayingenise endlini. Into ekufuneka ezibuze yona yeyokuba, ‘lithetha ntoni eli thongo’. Kutheni le yomgidi nisenza umdlalo nje, ningabuzi ukuba lithetha ntoni eli thongo, ukuba lilo phofu anisitheli ngesebe lenkawu?
Masibuye size kwesi simanga somgidi kamfi. Okokuqala xa ingumgidi sube kuvuyiswana nokubuya komntwana esuthwini, ebuya eyindoda, bayiyizele abafazi, izihlobo zigidele izibazana. Ndinomfanekiso womhambi ngendlela ebuza ukuba kukho ntoni kula mzi kwayiyizelwa; kuthiwe ngumgidi wonyana waphaya owabhubhayo eneminyaka esibhozo! Iintloni ntozakuthi ziyamakha umntu. Eli zibazana ligidelwayo ingaba lichulumancile ngaphakathi okanye kuxotyulwa izilonda?
Le ntambo yomkhwetha yenziwa ngudadobawo inxityiswa bani lo uhlolelwayo? Ngubani lo ungcamayo kanye kuba kaloku ukuba ngumntu osele olukile akazukungcama kabini, ukuba ngongekayi esuthwini uyakuba sathini xa inguye oyayo? Abanye bade benze nala nomgogwana ingathi ngowokugxotha iintaka emasimini, haybo bazali kutheni nasihlekisa ngeentshaba? Umntu xa exhelela into yakhe makangayidibanisi nenkolo esiyilwele nzima bethuna.
Ukuze uqonde ukuba ngumdlalo weqonga lo womgidi kamfi, xa kuyalwa, kuyalwa bani? Njani ukuyala osele elandulele, eloxesha siphinde kwathina sithi sicela ukukhuselwa ngamanyange ethu. Sithetha siziphikisa..
Into endizama ukuyithetha apha yeyokuba ithongo liyatolikwa. Ndikhe ndabona naphaya eGoli umzukulwana etshatiswa nomakhulu wakhe, ade umakhulu anxibe ilokhwe emhlophe. Senilibele na ukuba kwale lokhwe imhlophe ize nomlungu, ingenaphi esikweni lethu? Zizimanga zantoni ezi sizenzayo ngegama lemveli.
Njengoko kusondele le nyanga yokukhuliswa koonyana, hayini bethuna zekhe kuyekwe ukwenziwa kwemihlola kuba umntu efuna kuthiwe uthongile. Ithongo elikhokhelela kwintwalo okanye kumkhuba malikhafulwe alihlambulukanga. Nani makhaya yekani ukumqhwabela izandla umntu esiza nomkhuba ekhaya. Sekunjenjenje kwiintsana zethu yilento amakhaya angovula zibhuqe, maxawambi oyika umphuphi lo kuba eza kuyenza ngemali yakhe le ntsinda-badala. Ingxaki ke emayaziwe yeyokuba idobo litsha ngomcinga omnye, kuchaphazeleka ikhaya ngomkhuba owenziwa ngumntu omnye kuba kaloku uwenza kumaxhanti ekhaya. Camagwini