Emva kweminyaka eli-190, isifungo samaMfengu kufuneka sigxininise ukuthembeka kumgaqosiseko.
Image: The Casual Observer
Iingcali zembali zisifundise izifundo ezibalulekileyo ngeziganeko ezimanyumnyezi zeemfazwe zokuhluthwa komhlaba ngamakoloniyali noloyiso lwazo olububungqina bokomelela kwamaMfengu. Njengabanye abantu bamathanga, amaMfengu ayigcinile iKumkani yaseBritane kwizibhambathiso zawo njengentloko yombuso emva kwenkululeko ngeminyaka yoo1960, ingakumbi ngo1994 eMzantsi Afrika.
Nangona olu lungiselelo luluphawu lwemibhiyozo ubukhulu becala kwaye lungasayiniki iBritane naliphi na ilizwi elithe ngqo kulawulo lwamaMfengu lwezopolitiko, iziphumo zokuqunjelwa kwayo ngenxa yelifa lobunini bobutyebi obungalinganiyo kunye nokulawulwa koqoqosho ngokuxhasa abamhlophe okuneendleko zokuxhatshazwa kwabantsundu isoloko ibonwa kakubi sisininzi esimnyama kweli lizwe njengophawu lolawulo lobukoloniyali.
Ukufezekisa umxholo wethu, isizukulwana sangoku kufuneka siphendule kwimingeni yangoku ngokwamkela ngokukhaliphileyo isifungo senguqu esifanelekileyo sokwandisa amaMfengu kwaye siwaqhubele phambili njengabantu, iintsapho, kunye noluntu kwindawo ephakamileyo, isifungo samaMfengu esithembisa ukuthembeka kuMgaqosiseko woMzantsi Afrika kunye nezithethe eziqulethwe kuwo.
Njengoko kusenzeka, amaMfengu sele esenza oko kuchazwe kwintshayelelo yomgaqosiseko, ethi, "Sithathela ingqalelo intswela bulungisa yamandulo, sihlonipha abo babandezeleka ukuze kubekho ubulungisa nenkululeko kumhlaba wethu, sihlonipha abo basebenzele ukwakha nokuphuhlisa ilizwe lethu; kwaye sikholelwa ekubeni uMzantsi Afrika ngowabo bonke abantu abahlala kuwo, simanyene kwiiyantlukwano zethu."
AmaMfengu sele engabanikazi walo mgaqosiseko njengowona mthetho uphakamileyo weRiphabliki "wokunyanga iyantlukwano yamandulo nokuseka uluntu olusekelwe kwizithethe zolawulo ngentando yesininzi, ubulungisa kwezentlalo, kunye namalungelo oluntu asisiseko; eseka isiseko soluntu lwedemokhrasi noluvulelekileyo apho urhulumente usekwe kwintando yabantu kwaye wonke ummi ekhuselwe ngokulinganayo ngumthetho; ukuphucula umgangatho wobomi bommi ngamnye waseMzantsi Afrika nokhululekileyo ukuze uMzantsi Afrika uthabathe indawo yawo efanelekileyo njengelizwe elizimeleyo kusapho phakathi kwamanye amazwe."
AmaMfengu athandaza yonke imihla athi, "Ngamana uThixo angawakhusela abantu bethu. Nkosi Sikelela iAfrika." AmaMfengu sele egqibe kwelokuba iRiphabliki yoMzantsi Afrika lilizwe elinye, elinobunganga, nolawulo lwentando yesininzi olusekwe koku kulandelayo: "Isidima somntu, impumelelo yolingano kunye nokukhuthazwa kwamalungelo oluntu nenkululeko, ukungacaluli ngokobuhlanga nokungacaluli ngokwesini, ukongama komgaqosiseko nomthetho; ukusabela kunye nokuvuleleka."
Oku kujongwa kwakhona kwezibhambathiso zamaMfengu kufuneka kwenze isizukulwana sangoku sikwazi ukuziqhelanisa neemeko eziguqukayo, sicinge nzulu, kwaye siqulunqe ngokuyilayo. Ihlabathi litshintshile kakhulu ukusukela kumaxesha angaphambili abenzi zifungo – ukusuka kuqoqosho lwezolimo ukuya kushishino, ukuya kukudityaniswa kwamazwe ngamazwe, ukuya kwiNguquko yeSine yezoShishino (Fourth Industrial Revolution), kwaye ngoku lixesha lobuNhloli boBugcisa (Artificial Intelligence). KwiCaribbean, umzekelo, ezine kwezili12 ezazifudula zingamathanga ziye zatshintshela kwiRepublicanism: iGuyana, iTrinidad and Tobago, iDominica kunye neBarbados kutshanje.
Kutshanje, lo mmandla ubone utshintsho kwindlela abantu abasabela ngayo kwiinkosi zaseBritane, amalungu osapho lwasebukhosini ajongene noqhanqalazo kunye neemfuno zokucela uxolo ngokoyikeka kobukhoboka kuwelwa ulwandlekazi iAtlantiki xa betyelele amazwe eCaribbean.
Oku kulandela ukunyuka kwentshukumo yembuyekezo, eyaba ngumba oshushu ngexesha lentlanganiso yeeNtloko zoRhulumente beCommonwealth eSamoa kweyeDwarha kowama2024, apho amazwe aseAfrika kunye neCaribbean afuna ukuba iqela lamazwe angama56 libeke isicwangciso samanqaku ali10 kuLuntu lweCaribbean kubulungisa bokubuyisela ubukhoboka kuluhlu lwemiba yengxoxo kwintlangaliso yayo.
Emva kokusweleka kukaKumkanikazi uElizabeth kweyoMsintsi kowama2022, uluntu oluninzi kunye nezizwe ezazisakuba zingamathanga zabuza ukuba kutheni oorhulumente balo bebhengeze ixesha leentsuku ezininzi zokulila ngesikhumbuzo somntu obalulekileyo kukuxhatshazwa yiBritane kwezinyanya zaseAfrika.
Uninzi lwabona ukusweleka kukaKumkanikazi njengethuba elifanelekileyo lokuqhawula ubudlelwane kunye noKumkani waseBritane njengomntu kunye neziko okungenziwa kwesibhambathiso sokuthembeka kuye – ngengelona xesha lifanelekileyo lokutsho ukuba kwanele.
Ukufumana injongo yesi sifungo kwakulucelomngeni ngelo xesha, njengoko kusenzima ngakumbi namhlanje. Kufuneka sikuqonde ngokunzulu ukubaluleka kwentsingiselo yamazwi esifungo sethu esiwenzayo namhlanje kunye nobume bezopolitiko kunye nentlalontle yabantu abenza isifungo namhlanje. Wonke umntu okwinqanaba lakhe lempembelelo kufuneka aqinisekise ukuba isifungo sethu esiguquliweyo nesisuswe ubukoloniyali silawula inkanuko yomanyano, uphuhliso, impumelelo, noxolo.
Ngamanye amaxesha yonke le ntetho yokuqhubeka nesi sifungo sembali kunye neenzame zethu zokukhuthaza amathuba olutsha kunye nophuhliso loqoqosho lwasemaphandleni lunokuvakala njengento engekhoyo: uthotho lweembali, izibalo, ukuncipha komyinge ekhulwini, ukukhalaza ngokungabikho kokuzimisela yezopolitiko okanye uphando olunokuthi luvelise into kwixesha elizayo.
Kodwa siyayiva eyona ntsingiselo yesi sifungo sembali yobomi babantu abahlanguliweyo, ukungabinabulungisa okuthintelweyo, namaxhoba athuthuzelekileyo. Intlanganiso eyayikwiSiza seSikhumbuzo somQwashu ngomhla we14 kuCanzibe kowama1835 kunye nokuzimisela ekufezekiseni izibophelelo zawo ngokuzenza idini, kumaMfengu amaninzi namhlanje oko lilifa eliphilayo. KumaMfengu, ukuzincama kobuqhawe kunye nenkqubela phambili yempumelelo kusikhumbuza ngamaxesha esimele singaze sawalibale.
Kuliwonga kuthi sonke ukuba yinxalenye yokuqhubekeka kwesi sifungo siyimbali. Olunye ulutsha aludli ngokudibana nabantu abaphilayo ababandakanyeke ngokunenjongo ekuphumezeni eso sifungo. Kokokuqala ngqa ukuba badibane nomntu onesabelo kwesi sibophelelo. Bona, ngethemba, baya kufumana amava abachukumisa intshisakalelo kwaye bethobekile. Ngethemba, oko kuya kubakhuthaza bazimisele ukuqhubeka nokwenza into yabo. Ngoko ke, wonke umntu kufuneka abuyele emsebenzini.
Oku kungasentla zizicatshulwa zentetho enikelwe eNgqushwa namhlanje, umhla we9 kuCanzibe 2025 nguNkosikhulule Xhawulengweni Nyembezi yokuphawula isikhumbuzo seminyaka eli190 yesi sifungo sembali esenziwa kwisiza sesikhumbuzo somQwashu ngomhla we14 kuCanzibe 1835.
Ngombali
UMnu Nkosikhulule Nyembezi.
Image: Uthunyelwe
UNyembezi ngusihlalo wesigqeba sobukhosi bakuGubevu eGcuwa, umhlalutyi wemigaqo-nkqubo kunye netshantliziyo lamalungelo oluntu.
*Ezi ziimbono zombhali kwaye azimelanga ezo zeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.