UPhindile Memani yimbongi yosiba.
Umbhali: Phindile Memani
Uyayaz' intlungu yokuhlal' eluvalweni,
Ancekelel' inyanda echankcath' emaweni,
Zimzungeza ngenzondelel' iinzingo zasemendweni,
Engenamthuthuzeli, iinyembez' zimpompoz' emehlweni.
Walizwa ngonyana kant' uzel' ungantweni,
Ohl' enyuka ekhangel' engaziway' emgaqweni,
Ub' udlile watshaya uphol' aph' engqondweni,
Uyakuphind' aphakam' akukhanuk' izoli emandlalweni.
Wancam' umyeni wabon' iceb' ikukuzihlangul' emlweni,
Wamnkisela okwentak' ethethelw' emlilweni,
Eduk' engceni ebhacel' eludingisweni,
Kwankungw' amehl' umfaz' elind' emlindweni.
Wakunqanqathek' unyana utshintsh' ebusweni,
Amphehluzelis' unina ngentseni empikic' ezipokothweni,
Emyuca ngokuth' engumzali angabi nayo nepen' engxoweni,
Efung' aliyi kutshon' engamgovozang' eluvalweni.
Namhl' unozala liyakayak' elingudingezweni,
Ubhity' ungumcing' okwehagu elityelw' ehokweni,
Wakufik' unyana kufunek' azame nasebumelwaneni
Akubuy' ephaca abethw' abe bhonte ezithweni,
Ubabikel' abadala bathi kuyanyanyezelw' emendweni,
Kwathwa makaginye kukrara ukuz' angabi yintlekis' ezizweni,
Usalangazelel' ukumbon' umyeni esithi galakangq' esangweni,
Amkhusele kuloo mgewu uncwas' ukumgovoz' ephangweni.