Izimvo

Aa! Zwelibanzi!

Lihle Sokapase|Published

IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kaz’ uya kuhlal’ ephi n’ umnta kaJonguhlanga?

Nithi siya kuhlala siphi n’ isizukuzuku serhamb’ elineendevu lakwaMthokrakra,

Elabonwa ngabafazi bakwaMbanga bephangela?

Kambe wayekhe watheth’ uMqhayi wang’ uyaqhayisa,

Esithi le nt’ umntu yintw’ ehlal’ ihlal’ igoduke.

Kodw’ ukub’ angagoduk’ umzukulwana kaNovoti,

Inene singashiyeka sihlel’ emalahleni kweli lizwe.

 

Ewe nangoku!

Xa kunj’ usuk’ uzibuz’ ukub’ aphi n’ amadun’ akowabo?

Andithi xa kuthethwa kuthiw’ aziinkosi?

Awaziva n’ ezi zivondoviya zivikiv’ umzi?

Aphi na ona xa uNxek’ emaxhaphetsh’ ecimacim’ amadangatye?

Awanyhashwa n’ amalungel’ oluntw’ aph’ akhoyo?

Azinqabanga n’ iinkonzo zasembuswen’ aph’ akhoyo?

Ayinukunezwa n’ inci namanin’ aph’ akhoyo?

 

Abanye bagqityelwa ngokuya babesenz’ umhlola.

Betheth’ isimanga sentw’ esingayaziyo thina bantwana bomgquba wakwaTato.

Besithi mayithenw’ ikumkani ibe yinkabi,

Ukuze kufakwe nkunzi yimbi esibayeni sayo.

Abazange baphinde babonakale ndaw’ emva koko.

Ndiyayidela mna le ntw’ iyimbali ngokuziphindaphinda,

Kuba kaloku nesigcaw’ esinoboya sajikelwa ngamadun’ akowaso,

Xa nditshoyo ndithetha ngoMngomeni noGladile.

 

Andikho lapho ke kuba noZwelibanzi akekho lapho.

Koko mna mbongi yasemaNdlaneni andinyal’ ukuvuselel’ izazela.

Ukuz’ abantu bavuk’ emaqandeni,

Bavuk’ emaqandeni bakhokele xa bezalelwe loo nto.

Bangatshon’ embonen’ ilizwe lisonakala.

 

Aa! Zwelibanzi!

Thina sesijonge kuwe Mntwan’ oMhle.

Khokela thina siza kukulandela Nkonyana yoHlanga.

Kwangenelela wena kakade sekukubi kuvalw’ amashishini,

Eli lizwe lisezandleni zamatshinga namatshinitshini.

Wangenelela wathetha kwema ngawe Mntwan’ oMhle.

Wath’ usonkosi sel’ ekh’ amaxhag’ ekuphendul’ unkankanka,

Kwasa kusithiwa nankuy’ enabel’ uqaqaqa.

 

Namhla siyakubon’ usenz’ amatiletile ulamlel’ abafundi noonozala.

Unozala wathumel’ uSisonk’ esikolweni ngethemba.

Ithemba lokuba uza kubuy’ efunjathisw’ ulwazi lokuphuhlis’ isizwe.

Wasuka wabuy’ umntwan’ efunjathwe yibhokisi,

Ibhokisi yokumngcwab’ emathunjin’ omhlaba.

Lamla Kumkani, lamla!Lamlel’ abafundi noonozala.

Lamla zide zigqith’ izidubedube eyunivesithi.

Ilizwe lelakho mThembu.

Hamba thina siza kukulandela qhulandini eliqhuqhekileyo lakwaJonguhlanga.

Aa! Zwelibanzi!

Ndee tyuu!

Tshoniyani!