Uloliwe ebalisa ngembali kufutshane nesikhululo sikaloliwe saseQonce.
Image: Supplied
Eli lixesha apho amagosa karhulumente, amancinci namakhulu, ejikeleza ethembisa abantu ngezinto ezahlukeneyo. Uloliwe osemfanekisweni umi kufutshane nesikhululo sikaloliwe saseQonce esiqulethe imbali enganakulinganiswa nanto.
Kulusizi ukuqaphela izinto ezililifa ezifana nalo loliwe zikwimeko embi kangaka ngexesha lokulawula korhulumente wesininzi. Kule ndawo emi kuyo lo loliwe, kwabhubha iinkitha zonyana neentombi zeli lizwe, zinethemba lokuba kuza kufika inkululeko eyakuguqula izinto. Abanye babo bakhwela uloliwe kanye kwesi sikhululo besiya elubhacweni ukuya kulwela inkululeko nethemba lobomi obungcono.
Lo loliwe uqulethe imbali eninzi ngenxa yokuba kule ndawo kwakutyelela abantu abaphuma kule dolophu nabo baphuma ngaphandle kwedolophu yaseQonce.
Uloliwe ebalisa ngembali kufutshane nesikhululo sikaloliwe saseQonce.
Image: Supplied
Ngoko ke, ukugcinwa kwezinto ezifana nalo loliwe zisemgangathweni luphawu lokuqaphela izinto ezililifa neziyimbali yelizwe loMzantsi Afrika. Ngaphandle kokuba lo loliwe ekwimeko embi kangaka, isitishi naso esikufutshane apha sikwakwimeko efike kwinqanaba lokuba asisasebenzi kwasona.
Izizathu zokutshabalala kwembali nelifa elinje zisekelezelwe kubuxoki nobusela obuxake ilizwe loMzantsi Afrika. Lo loliwe asinguye yedwa okule meko, kuninzi lweedolophu ezilawulwa ngumbutho weANC, izikhululo zikaloliwe zikwimeko ebolileyo, azisasebenzi ngenxa yokuba kuxake ubusela.
Uloliwe ebalisa ngembali kufutshane nesikhululo sikaloliwe saseQonce.
Image: Supplied
Ukhumbule ke ukuba iinkampani zikarhulumente ezilawula aba loliwe zezinye zeenkampani ezikhe zincediswe ngurhulumente ngemali yokuba zikwazi ukusebenza. Kungasolwa bani ngokuguga kwento esele ikho entlalweni ebinceda abantu ngaphandle kokuba kunokusolwa urhulumente.
Imizila kaloliwe emininzi kweli sele iyimbali ebonisa ukuba kwakhe kwakho umsebenzi owakhe wenzeka. Kumangalisa kakhulu ke ukuqaphela ukuba kumgama ongephi ukusuka apha kumi iPalamente yephondo leMpuma Koloni (Bhisho) apho bekumele ukuba kuxoxwa ngekamva lelizwe kukhuselwa izinto ezililifa nekamva.
Uloliwe ebalisa ngembali kufutshane nesikhululo sikaloliwe saseQonce.
Image: Supplied
Kumaxesha angaphambili, uloliwe obaleka phakathi kweKapa neRhawuti wayesothula abantu baseQonce neelali ezingqongileyo kwesi sikhululo. Apho wawubona ngabantu bevuya besamkela izihlobo zabo, bambi bekhapha izihlobo zabo zisiya kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi. Namhlanje esi sikhululo silusizi sibalisa imbali engazange ibonwe ngabaninzi, alihlazo ngenene amagosa worhulumente wabantu abamnyama.
Kwesi sikhululo kugqithe amajoni, amathandazwe neenkokheli ezichithe ixesha lazo zisilwela ukuba kuphucuke iimeko zelizwe loMzantsi Afrika. Apha kugqithe ooSteve Biko, ooMfanasekhaya Gqobose nabanye abaninzi. Alihlazo ngenene amagosa karhulumente ophethe eli lizwe.
Related Topics: