UMnumzana uSandile Swana ongumhlalutyi wezoPolitiko nolawulo ozimele geqe eMzantsi Afrika. Umfanekiso: Uthunyelwe
SANDILE SWANA
Ilizwe loMzantsi Afrika liyazamazama zizingqi zokubuya kukaElon Musk owemka kwelakuthi ukuya kuhlala eCanada naseMelika ebaleka ukusiwa ngenkani kumkhosi wamabhulu awayephethe eli lizwe lakuthi ngobuhlanga nengcinezelo ngaloo minyaka yoo1980.
Ebuya nje lo kaMusk uhamba nenye ingingingi yesinhanha, uDonald Trump, ophinde wonyulwa okwesibini njengoMongameli waseMelika. Beza kuthi sebekhohlela amadangatya. Kuthe bengenabo ubungqina, kwezinye iindawo, bengenawo amalungelo emthethweni bakhupha uxwebu olukhankanya ezi ngongoma zilandelayo bejolisa kuRhulumente wobumbano (Government of National Unity) eMzantsi Africa.
Umyalelo okhutshwe nguMongameli Trump womhla ka7 kweyoMdumba 2025 uthe uRhulumente waseMzantsi Afrika unyhasha amalungelo abemi boMzantsi Afrika ngokuphumeza umthetho ekuthiwa yiExpropriation Act 13 of 2024, ovumela uRhulumente ukuba uthathe imihlaba yokufuya nokulima kwabo baligcuntswana (abelungu) ngokobuzwe eMzantsi Afrika ngaphandle kwentlawulo.
UTrump uthe lo mthetho ulandela intaphane yemithetho ecetyelwe ukutshabalalisa akulingana kwamathuba phakathi kwabantsundu nabamhlophe. Ngokwakhe uTrump, loo mithetho yokuligana kwezemisebenzi (BEE, Employment Equity and Affirmative Action) idalelwe ukuxutha abelungu isonka emlonyeni futhi inciphisele amathuba emisebenzi, emfundo, awokwakha ubutyebi nawoshishino namanye ebantwini abamhlophe.
UTrump uhambise ngelithi lo Rhulumente uvumela okanye ukhuthaza ubundlobongela nodlame olungqale ngqo kumabhulu angabanini bemihlaba yaseMzantsi Afrika efana namaplazi njalo njalo.
Wongeze ngelithi uMzantsi Afrika uqhubela phambili noburhalarhume bokutshutshisa isizwe sakwaSirayeli malungula neenzame zaso zokutshitshisa amaPalestina (Genocide against Palestinians) kwinkundla ephantsi kweZizwe eziManyeneyo (UN) ekuthiwa yiNkundla Yobulungisa Yezizwe Ngezizwe (International Court of Justice).
UTrump uthi bekumele uMzantsi Afrika utshutshise iHamas, hayi isizwe sakwaSirayeli. UTrump noMusk baxelelwa ukuba amabhulu axuthelwa umhlaba wawo wokulima nokufuya futhi ayabulawa eMzantsi Afrika ngenxa kaRhulumente ontyontyelayo. Ezi ngxelo ke zikhutshwa ngabelungu bemibutho equka iAfriForum, iSoldariteit neminye kodwa zabe zingeyiyo inyaniso.
Okukuqala, uRhulumente waseMzantsi Afrika ukusukela ngo1994 ukuya ku2024, unikezele ngemihlaba eyingxubevange eyenza i25% kodwa enyanisweni amabhulu wona anomhlaba owenza i72% yamaplazi eMzantsi ngalo mzuzu.
Iifulethi nezindlu zodidi zabelungu zenza u45%. Izitandi, izindlu zasezilokishini nakwiisabhabhu (suburbs) zenza u49% womhlaba wabelungu kodwa inani labo ngu7.3% apha esizweni. Lo nto ithetha ukuba abelungu kufanele umhlaba wabo ube yi7.3%. Sonke ke siyayazi into yokuba ngokwe1913 Land Act, abantu abantsundu banikwa u7% womhlaba, abelungu banikwa u93% womhlaba eMzantsi Afrika.
Lo nto ke kudala ifuna ukulungiswa kuba yenziwa ngabom nangenkohlakalo eyayisithi: “Umntu ontsundu akafanelanga ukuhlala emhlabeni omhle nothe gabalala.” Yayingumba ongxamisekileyo lo, kangakuba kwa uFW de Klerk wayengxamele ukuba ulungiswe. Nge30 eyeSilimela 1991, uMnu. FW de Klerk (owayenguMongameli) wamilisela umthetho ekuthiwa yiThe Abolition of Racially Based Land Measures Act 108 of 1991.
Iinjongo zawo ezingekafezekiswa yayikukuba umhlaba mawabiwe ngokutsha, kodwa uMusk noTrump sebesiza ngomsindo bengahoyanga inyaniso nemeko yokuphila nokuhlala komzi ontsundu. Bona bajonge into yokuba umlungu makadade emafutheni umhla nezolo.
Kuhle ukubona ukuba amaqela amanintsi amabhulu afana neAgriSA esitshilo ukuba wona akakufuni ukubhacela eMelika ngoba izisombulo zezinto zomhlaba zikwalapha eMzantsi Afrika, emthetheweni nasezinkludleni zomthetho.
Oosomashishini baseMelika abayi600 abasebenza apha eMzantsi Afrika bathi makhe kupholiswe iintloko, kungayiwa ngamandla ukuze izisombululo zibonelele wonke umntu. IDemocratic Alliance (DA) namaqela abefundisi abelungu nabanye bayikhabile le nto iza noMusk noTrump ngemihlaba.
Kanti uTrump noMusk bahlasela imithetho efana neBELA Act, iNHI, iBEE ne’Employent Equity ebonelela abantu abantsundu ukuze baxhamle ngokulinganayo nabelungu kwimfundo, kwezempilo, kushishino nasemisebenzini.
UMusk ufuna eyakhe inkampani yezonxibelelwana (satellite internet) uStarlink ivunyelwe ngetshova ukuba ingene isebenze eMzantsi Afrika ngaphandle kwenkqubo ye’BEE ne’Employment Equity. Masiyithethe into yokuba i-intanethi enokulungela abantu basezilalini ikhona apha eMzantsi Afrika, injalo nje uRhulumente wethu xa efuna anganyanzilisa uTelkom neeyunivesithi zalapha ekhaya ukuba zenze into efanayo nale kaMusk batsho baphangele abantu bethu.
UMusk noTrump balwa into yokuba ubugcisa nobuxhakaxhaka bezonxibelelwano eMzantsi Afrika luphethwe kakhulu ziinkampani zaseChina ezikhonya kumhlaba wonke jikelele phofu. Yenye imbambano ke leyo ethi uTrump makasikhuphe ikwi’AGOA nakwiimali zamalizo ePEPFAR neUSAID.
Kodwa oyena ndoqo nentsusamabandla kukuba uMzantsi Afrika umangalele isizwe sakwaSirayeli kwiinkundla ezimbini injalo nje waphumelela. Lo nto ivuse umnyele kaTrump. OkaMusk namakholwa aseMelika azizibhongobhiyane ezixhasa ukuxuthwa kwemihlaba yamaPalestina ngetshova.
Sonke siyazi ukuba uRhulumente waseMzantsi Afrika umangalele uSirayeli ngokuzama ukutshitshisa amaPalestina ngokuwavimba ukutya, ukuwabhidlizela amakhaya awo njengoko noTrump esithi amaPalestina mawasuswe emhlabeni wawo kuba akuhlaleki phaya eGaza emva kokuwa izindlu zidiliziwe nguSirayeli.
Yona inkundla yamazwe ngamazwe (ICJ) ivumile ukuba uSirayeli makayeke ukwenza nayiphi na into enokutshabalalisa okanye itshitshise amaPalestina. Isimangalo wasifaka ngomhla ka29 kweyoMnga 2023 uMzantsi Afrika saphuma isigwebo kwinyanga yokuqala ku2024, inkundla itywatyusha uSirayeli.
Emva koko ngomhla ka21 kweyeNkanga 2024, uMphathiswa wezoBulungisa eMzantsi Afrika ngoko, uRonald Lamola, wabhengeza ukuba ngenene sikhutshiwe isigqibo nomsila wengwe othi makabanjwe uBenjamin Netanyahu oyinkulumbuso kaSirayeli.
Esi sigqibo nomsila wengwe wakhutshwa yi’International Criminal Court (ICC) ngenxa yokuthumela imikhosi kaSirayeli ukuze iyokuthintela ukutya kungafiki kumaPalestina ahlala eGaza. Emva koko, iMelika ekhokelwa nguTrump noMusk nayo ikhuphe umthetho omtsha okutshutshisa abagwebi, abatshutshusi (benkundla yamazwe ngamazwe) naye nabani na omangalela isizwe sikaSirayeli okanye iMelika nabahlobo bayo.
Oku kulwa kuquke nokuxuthwa kwezimali zesisa nokubhangisa izivumelwano zorhwebo ezifana ne’AGOA kunyanzeliswa ihlabathi lonke noMzantsi Afrika ukuze bayeke uSirayeli atabhate, akhwele ezehlela kumaPalestina.
Lo mthetho kuthiwa yi-Illegitimate Court Counteraction Act, imiliselwe ngomhla ka9 kweyoMqungu 2025. Le nkquleqhu ineenjongo ezithile. Okukuqala, kukuzisa udushe ngapahakathi kukaRhulumente namabhulu ngomhlaba, iBEE kunye ne-Employment Equity.
Ithi lo nto uMzantsi Afrika mawufane neMelika ungabinayo imithetho egutyula izinxenxe nezivubeko zocalucalulo kunye nemivimbo yokuhluthwa kwemihlaba yabantu abantsundu ngenkani ukusukela ngo1652.
Okwesibini, amaMelika akhombe abantu abathile abafana noCyril Ramaphosa, uNaledi Pandor, uJulius Malema abasolwa ngokutshutshisa uSirayeli nokuthiya amabhulu amhlophe aseMzantsi Afrika. Ngaphaya koko, kukho amashishini namasebe athile obugcisa obukhethekileyo obufana neNuclear nobuxhakaxhaka bonxibelwelwano afana ne-intanethi, ekufuneka avulelelwe oongxowankulu baseMelika okanye asebenze ngenkqubo yaseMelika. Iyonke le nto ibonisa ukuba lifikile ixesha lokuba amazwe amanintsi ayeke ukwamkela ubungangamsha beMelika.
UTrump noMusk bazama ukuba iBRICS mayithothiswe urhwebo oluza kugqitha eMelika. Lo nto ithi irhafu entsha (new tariffs) yeMelika kwiimveliso zaseChina namanye amazwe, mhlawumbi noMzantsi, zingafakwa phambi kweyeSilimela ka2025. Kodwa ke iBRICS nayo iyazilwelwa, iChina nayo ifake ezayo iirhafu kwiimveliso zaseMelika.
Kwelinye icala, uTrump ucaphukisa amazwe aseYurophu ngokuwachwetela ecaleni xa esenza uxolo phakathi kweUkraine neRussia. Loo ngxabano nezinye iziphithiphithi zikaTrump zenza ukuba amazwe aseYurophu axhase uMzantsi Afrika kwintlanganiso yeG20 yonyaka ka2025.
URhulumente waseMzantsi Afrika unayo inkxaso yamanye amazwe angamalungu anokuthothisa ubundlobongela ehlabathini, ukhe ubudlelwane namanye amazwe ukuze kuqhutyelwe phambili neemveliso.
Ngokoqoqosho, uTrump akabonakali enezithonga ezinobuzaza malunga noMzantsi Afrika nakubeni egrogrisa kakhulu. UMzantsi Afrika awuphulanga mthetho ungenzanga nanto engcolileyo kuSirayeli neMelika, ngaphandle nje kokuba uTrump noMusk beqine enyaleni.
Mnumzana uSandile Swana ngumhlalutyi wezoPolitiko nolawulo ozimele geqe eMzantsi Afrika.
Related Topics: