UElethu Saki. Umfanekiso: Uthunyelwe
Elethu Saki
NdinguElethu Saki (17) osandul’ ukuthweswa isithsaba sikaMiss Inspiration South Africa Queen 2024. Ndingumfundi webakala leshumi elinesibini (Grade 12), kwisikolo samabanga aphakamileyo iKama, ndihlala eSaki Location, eMiddledrift. Amazwi athi, “Kholelwa kuwe, kuba ukuba awukwenzi oko, akukho mntu uya kukholelwa kuwe,” ayandikhuthaza.
Andizange ndicinge ukuba ndingaba ngunobuhle. Phofu ndandingazi kwanto ngoonobuhle, de uNalilitha Komna wabona into kum. UKomna ngumqeqeshi wam wokumodela kwaye ungumseki weRadiant Thinkers Modelling Academy. Wanditsalela kukhuphiswano loonobuhle, yaye ndihlala ndinombulelo ngako oko.
Ngesikhokelo sakhe, ndaqala ukufunda ngoonobuhle, kwaye ndazibona ndithathekile. Ndabona ukuba ukumodela akuyondlela okhangeleka ngayo kuphela; imalunga nokuzithemba, umtsalane onawo, kunye nothando.
Ndifunde lukhulu ngam nangoonobuhle, kwaye ndiyazingca ngomntu endinguye. Ndiyabulela kuKomna ngokukholelwa kum, nokundenza ndiqale olu hambo. Ndichulumancile ukubona apho oonobuhle bazandibeka khona.
Njengoko ndandingena nzulu koonobuhle, ndajongana nemiceli mngeni eyavavanya ukuzithemba kwam nokuzimisela kwam. Kwakukho amaxesha apho ndandiziva ndifuna ukunikezela, kodwa ndakhumbula ukuba kwakutheni ukuze ndiqale kwasekuqaleni – injongo yayikukuzityhala ngaphaya koko ndikhululekile kuko kwaye ndikhuthaze nabanye.
Ndiye ndafumana ithuba lokusebenza nabantu abamangalisayo, ukufunda kubo, kwaye ndikhule njengomntu. Ndiye ndafumanisa ukuba ukumodela akuxhomekekanga nje kwindlela obukeka ngayo ngaphandle kodwa nakumntu onguye ngaphakathi.
Izinto endiziphumeleleyo, njengokuthweswa isithsaba sikaMiss Unolali Queen 2024, zibubungqina bokusebenza nzima nokunyamezela kwam. Kodwa okona kubaluleke kakhulu, ndiye ndafumana ingqiqo yenjongo kunye nokuzixabisa okudlula nasiphi na isithsaba okanye iwonga.
Ndiyazingca ngokuba ngumzekelo kumantombazana aselula namanina, ndiwabonisa ukuba nawo angawafezekisa amaphupha awo ngokuzinikela nangothando lwento oyenzayo. Uhambo lwam alukapheli, kwaye ndichulumancile ukubona ukuba ikamva lindiphathele ntoni.
Namhlanje, ndimi njengomntu ozithembileyo nozimiseleyo, olungele ukujongana nantoni elahlelwa kum. Uhambo lwam koonobuhle lundifundise izifundo ezibalulekileyo malunga nokomelela, ukuzithanda, kunye nokubaluleka kokulandela amaphupha am.
Xa ndijonga emva kwimpumelelo yam, ndikhunjuzwa ukuba impumelelo ayiphelelanga nje ekufumaneni izithsaba okanye amawonga, kodwa imalunga nefuthe elihle onalo kwabanye. Ndiye ndanenyhweba yokukhuthaza amantombazana aselula namanina, ndiwabonisa ukuba nawo angayiqhawula imiqobo aze afezekise amaphupha awo.
Ikamva lam liqaqambile, yaye ndiyavuya ukuqhubeka ndisenza umahluko ehlabathini. Ndiza kuhlala ndityhala imida, ndizicel’ umngeni, kwaye ndisasaza uthando kunye nethemba naphi na apho ndiya khona.
Nabani na okhe wazithandabuza okanye waziva efuna ukunikezela, ndiyakubona. Ndiyakuva. Kwaye ndiyakholelwa kuwe. Qhubeka ukhanyisa isibane sakho, kwaye ungaze uvumele nabani na ukuba acime isibane sakho.
Ndibulela wonke umntu othe wandixhasa kolu hambo. Ndithi mazize ezinye iihambo, impumelelo, kunye nokwenza umahluko ehlabathini.
Malunga nombhali
UElethu waqala ukungenela oonobuhle ngo2022, ethatha inxaxheba kukhuphiswano lwasekuhlaleni. Amanye amakhuphiswano oonobuhle athathe inxaxheba kuwo aquka, uMiss Middledrift 2023 kunye noMiss Alice 2024. Ngo2023 uye wenza ukhuphiswano loonobuhle uMiss Saki ukuxhobisa amantombazana ukuba “aveze amanxeba abo amahle.” Ukwaseke iiklasi zokumodela kwindawo ahlala kuyo.
Impumelelo yakhe iquka ukuwongwa njengeBest Teenager kuluntu lwaseMiddledrift.