Umsitho wesintu. Umfanekiso: YouTube
Phindile Mphakathi
Ndibhekisa kumaAfrika alwimi lwawo sisiXhosa, kodwa ndingacalulanga ezinye izizwe zakwaNtu. Oku konakala ndithetha ngabo kubangwa kukucinga ukuba imali iguqula indlela yokulawulwa kwemisebenzi yezithethe namasiko ethu.
Asilingani apha esintwini kwaye amalungelo ethu xa kusetyenzwa imicimbi yekhaya ihamba ngoko mthetho wesintu, hayi owesilungu okanye ngokokuba wena unemali. Umntu oyindoda nongumama badlala iindima ezohlukileyo khona ukuze lo msebenzi ube nentsingiselo kwaye uphumelele. Mandinabe.
Nokuba unganyana, intombi, umtshana okanye umfazi, umsebenzi wakho wesintu ukhokelwa ngutata welo khaya njengoko sonke sisazi ukuba yindoda eyazisa umsebenzi okanye usingaye nomkhomba-ndlela.
Nasekoyini usapho lubonisana ngalo msebenzi, kodwa indoda kufuneka ikhokele umsebenzi lowo uza kwenziwa, hayi umntu ongumama okanye umntu obhinqileyo.
Lisiko linenkqayi ke elo! Isimanga ke kule mihla le nto ifuna ukujika ibe ngoomama abalawula imisebenzi ekumila kunje. Loo nto yenzeka ikakhulu xa lo msebenzi wenziwa libhinqa elinemali kule mihla, lilibale ukuba ngokwenza njalo lonakalisa intsingiselo nenjongo yalo msebenzi, kuthuka nendlela yokuthetha nabaphantsi aba acela kubo loo nto - iintsikelelo.
Kunje ezilokishini nasezilalini. Ekoyini, amadoda eli khaya afanele kukoba utywala ekufuneka buyonikwa ootata noomama. Obu tywala ke kufanela ukuba baziwe ukuba kungakanani khona ukuze iNjoli ijonge (umthamo) ubuninzi babantu ezakunika oku kutya.
Avele lomntu ungumama esithi, “Chazani ubungakanani botywala obuza kuphuma,” eveza ke ngoku ukuba nguye lo unemali. Ayisoze ilunge ke ngoku xa ihamba ngolo hlobo ngoba kaloku utata ukhokela umsebenzi wesintu.
Le ngxuba-kaxaka ayisosintu kwaye yenza iintloni, ilibazise umsebenzi, bajame abantu enkundleni, phofu abaze kuzimasa lo msebenzi. Kweminye imizi kude kuselwe utywala sekutshone nelanga, abanye sebemka kudala.
Xa ningahloniphanga izihlwele nigxotha ubungqina neentsikelelo zalo msebenzi wenu. Futhi umsebenzi wekhaya ufuna umbulelo wezizwe. Boomama, lumkani ngoba lo msebenzi ulahlekelwa sisizathu sawo kwaye umosha naloo mali yakho kuba uzenza umphathi womsebenzi, ungenguye ke phofu.
Maxawambi indoda ebikhokele lo msebenzi iyakhalala ihambe, uwushiye lo msebenzi ngoba kaloku ayisiyo xa umsebenzi uqhutywa ngekratshi, impakamo nokungahloniphi kwebhinqa.
Le nto yenzeka emigidini nakweminye imicimbi. Imbi le nto kwaye ithuka indlela esenza ngayo amasiko ngenxa yokuqathwa yipokotho efumileyo.
Khumbula okokuba isiko nomnye umsebenzi uqalwa ngokuthethwa ngomlomo (ngelizwi). Xa ke umosha lo msebenzi ngenxa yokuba uqhathwa yiloo mali yakho, ilizwi ebelithethwe ebuhlanti lingakulandela kabuhlungu.
Musa ukwenza umsebenzi wesintu ze ujike undlandlakethise ootata abalawula umsebenzi ngokusesikweni ngoba ngoku uchamela yonke lonto ubuyenza nobuyicela. Zithobe xa usenza umebenzi wesintu. Thobeka xa usenzela into amanyange ngoba la manyange nawo ayijongile le nto uyenzayo.
Dlalani indima yenu ngendlela boomama, nihloniphe ootata abaphathiswe le misebenzi. Camagu!