Ngokubhalwa nguWesley Diphoko
Kungekudala sizakukwazi ukubuza ikhompyutha imibuzo sifumane iimpendulo ezanelisayo. Xa iphendula isenokubhala okanye isebenzise ilizwi ngelwimi lakho (isiXhosa, isiZulu nezinye) hayi ngesiNgesi.
Okwangoku iimpendulo ezifumanekayo kwiikhompyutha ngeelwimi zesiNtu azanelisi kwaphela. Amanye amaqonga e-intanethi asebenzisa amagama angachanekanga. Le ngxaki yokunqaba kweelwimi zesiNtu kubuchwephesha beemini zanamhlanje isenokwanda ekuhambeni kwethuba. Yintoni enokwenziwa ngoku ukuze iilwimi zesiNtu zibekhona kubuchwephesha bezi mini?
Ziliqela izinto ezinokuphucula ukubakho kweelwimi zesiNtu kubuchwephesha bezi mini. Enye yazo kukubhala ngeelwimi zesiNtu kumakhasi onxibelelwano afana nooFacebook noX (owayesakuba ngu Twitter) nakwi-intanethi ngokubanzi. Isizathu kukuba inkcazelo esetyenziswayo yikhompyutha ukuze iphendule iimpendulo kwizixhobo ezifana no ChatGPT isekelwe okanye ifunyanwe kwizinto ezibhalwe kwi-intanethi.
Okwangoku, isiNgesi lolona lwimi lubhalwa kakhulu kwi-intanethi nto leyo eyenze ukuba kube lula ukufumana ulwazi olwenza kube lula ukuphendula imibuzo ngesiNgesi. Amaziko emfundo ephakamileyo neeYunivesithi zingaxhasa iinkqubo zokuba inkcazelo ekwi-intanethi ibekhona nangeelwimi zesiNtu.
Umzekelo, zonke iiwebhusayithi zikarhulumente zinokuguqulelwa kwiilwimi zesiNtu. Ngamanye amagama, xa ummi weli esiya kwi webhsayithi yeziko lezempilo kumele akwazi ukufumana inkcazelo ngesiXhosa nangezinye iilwimi.
Enye yezinto ezinokwenziwa kukufumana inkxaso yeenkampani zobuchwepheshe ezifana noGoogle, Facebook nezinye. Umzekelo uGoogle wenza iinzame zokuba iilwimi zesiNtu zibekhona kuGoogle. Iyancomeka ke lonto. Nangona kunjalo, ezi nkqubo kufuneka ziphuculwe.
Urhulumente naye usenokufaka igalelo elibalulekileyo ngokwenza izinto ezikhuthaza ukuba kubhalwe ngeelwimi zesiNtu kwi-intanethi. Oko kuya kugcina iilwimi ziphila ngelixa ubugcisa bale mihla buhambela phambili.
Xa zonke ezi zinto zisenzeka, izixhobo zobuchwephetsha ziya kuqonda iilwimi zaseAfrika. Lonto izakukhokelela ekubeni abantu bafunde inkcazelo ngeelwimi zabo kwi-intanethi. Kwixa elizayo umntu uya kukwazi ukubuza umbuzo ngokuthetha neselfowuni aze afumane impendulo ethethwa ngomlomo nangesiXhosa nangezinye iilwimi zesiNtu.
Oko kuya kufuna ukuba abantu, amaziko emfundo ephakamileyo (iiyunivesithi), urhulumente namashishini benze iinzame zokuphucula umgangatho nobukho beelwimi zesiNtu kwi-intanethi.
Eli ikwalithuba elihle kumashishini asakhasayo ukuba aphuhlise izisombululo zobuchwepheshe ukuze i-intanethi ifumaneke ngeelwimi zelizwekazi laseAfrika.
UWesley Diphoko nguMhleli wephephancwadi iFastCompany (yoMzantsi Afrika) noMhlalutyi wezobuchwephetsha kuMhlobo Wenene.