Simphiwe Nolutshungu
Phaya kwelalizwe lothando mhlawumbi nomtshato, kuqhelekile ukuba iqabane eliyindoda ibelilo elidala ngeminyaka , kunqabile kwaye akuqhelekanga ukuba iqabane lesinina ibelilo elidala ngeminyaka. Oku ke kuye kothuse xa ingulo ungumama xa emdala kunendoda ke leyo.
Sekude ke oku yanga ngathi ngumthetho kaMthetho, ekumelwe ukuba uthotyelwe.
Oku kude kwangathi lihlazo elikhulu, xa indoda ishiywa ngeminyaka sisithandwa sayo, ingakumbi ke oku kuthi kucace phandle ngokwembonakalo yabo bangamathe nolwimi.
Abo babini ke bakuhlalela ukuthwala oko kubonwa njengehlazo mihla le yokudla kwabo amazimba de banabele uQaqaqa. Lo uyindoda uye abizwe ngokuba nguBheni weShumi (Ben ten).
Imbawula yothando lwabo ingacimeka lula kakhulu zizikweko nokuhletywa kwabo ngoku.
Iyakuba nguloo cimi-cimi ngabula Esikomu ke wothando lwabo ngenxa yengxolo yezikwekwe, de maxa wambi lude kuphele kuthi zole tu ke ngalo.
Kodwa abanye baye batyhale ngamabele nezifuba ukuthandana oku, ungafunga uthi abaziva tu izigxeko ezo zidiliza uthando lwabo.
Koluthando oyena udla ngoxhamla kakhulu ibangumfana lowo, kuba uNontombi uye ayivule ngamandla itasi yakhe egalela konke kobobuhlanti bungenanto bomfana ke lowo.
Oku kudala ukuba umfana lo aphole apha entloko, de angazidini ngokusenga okanye ukufuna ingqesho, kuba konke akufunayo kukhasela ngakuye.
Kude maxa wambi oku kuzale imeko enokwenza ukuba lo mfana aphatheke oku ngathi ngumntwana kwesisithandwa sakhe, ngenxa yalempatho.
Naye ke umfana lo kukho okulindelekileyo nakuye ukwakha nokuquma oluthando lwabo, ingakumbi ukuquma ubudala besithandwa sakhe.
“Unqweme lwenkawu lidliwa ngababini owesithathu ngumnqakathi” konke ke bona benzela kubemnandi ke kubo, abanye abantu ababanakanga kwaphela.
Ukuquma ubumveku bakhe ke umfana. Kufanele aziyeke iintshebe ebusweni bakhe zibelihlathi elikhulu kakhulu, zityhutyhe ke ebusweni ukuyakunqandwa lunwele lokugqibela kuye entloko, phofu ke intloko leyo ikhatshwe yimpandlana engangathi ibika indlala ukubengezela oku kwayo.
Kuyakusala loo mehlo alaqaza ngathi alahlekile kwelohlathi luquma inyani ebantwini.
Xa besemathekweni okuhlala, uye ke aphathe intongana, yona ke incedisana nokukhawulela ubudala bakhe.
Nanko ke mfundi uBheni weshumi.
Nanko ethe chu ngedlela ehamba nesithandwa.
Kodwa ke kwinto yonke angangangeni kuba ndingulo unganxibanga tu kwaphela.