Umhlobo wam uMsondezi lo unendlela yakhe yokugxotha ikati ingalali eziko kwaye ke le yakhe indlela isithele futhi ke inqabile, kuba esona sixhobo sakhe sokusebenza sisinqe sakhe kunye ke nombilo edongeni.
Unendlela yakhe ke eyaziwa nguye nomphefumlo wakhe, indlela yokurhwebesha nokutsalela okanye ukusondeza kuye oosisi, udidi loonke ke loo sisi kodwa ke ngakumbi abo bapokotho zifumileyo.
Kanye njengegama lakhe ke uMsondezi lo kuba uyabasondeza, ze atsho ke ukubasenga oku. Uya kumkhukhuza ke lowo amfumeneyo, akeva ke namanzi ashushu, akanqandeki tu.
Abahlolokazi kuye bayibhonasi ehamba namaqithiqithi. Khawubukele ke umfo lo eqhuba imoto yomhlolokazi lowo, ingqiniba isika umoya nomculo nawo utsho ngeyona ngxolokazi ethundeza uchuku. Uya kunyalasa ke umfo ukuphuma kuloo moto, umhlaba ewukhetha ukuwunyathela. Nasemizini yabahlolokazi uya kufika ewujikeleza umzi lowo, ungafunga uthi gaqa.
Unxiba iimpahla zodidi kwaye utya ukutya kwegumbi eliphezulu uMsondezi ke lo. Uqhubile ke umfana lo, ephila ke obo bomi bakhe buntofontofo kuye kwaye ke bobetshamba. Esikolweni ke akazange ahlale kakhulu nawe ke unoliqonda itshamba lakhe, kuba athi AmaXhosa “Akukho nto ingelobhongo eqabeni.”
De ke ngenye imini evela emsebenzini, ewe lo wakhe wesinqe suke waphandlwa ngomnye umhlolokazi ogama linguNcumisa kanti akalibonanga eliza kumkhonxa.
Umfo ke lo uye waswelekelwa ngumama wakhe kwiminyaka edlulileyo kwaye ke umama wakhe wafaka yena kwiipolisi zakhe.
Hayi uNcumisa wazisa utshintsho kuMsondezi lo, suke wayimvoco wamthanda de wakhupha namakhadi akhe ebhanki umfana ewaqhusheka emabeleni kaNcumisa. Baqhuba bethandana phofu ke nayo yaphuma imali kamama wakhe uMsondezi, watya tyum uNcumisa qha waqhuba ngokumana emphathela izinto ezintsha amaxesha amaninzi nezinto zexabiso.
UMsondezi uzoqabuka sele kukudala ukuba kutyiwa yena ngulo mhlolokazi. Nanko ke umsebenzi wesinqe! Sondela ke Msondezi!