UNkosikhulule Nyembezi, ekhohlo, ekunye noKumkani Goodwill Zwelithini kaBhekuzulu UMFANEKISO: FACEBOOK
Nkosikhulule Nyembezi
Sivakele nkalo zonke isithonga sokuthula koMlomo ongathethi buxoki, iKumkani yamaZulu uGoodwill Zwelithini ngoLwesihlanu odlulileyo nesitsho kwasika umxhelo mbombo zonke zehlabathi. “Iselwa likaJama lichithekile,” luhlobo iimbongi eziphithizela kumabhotwe onke ezisikhumbuza ngalo ngento yokokuba nesi sehlo bekulindelekile ukuba siselame ngemihla yokuphila kwethu sisesi sizukulwana.
Ndiyakusoloko ndimkhumbula uBayethe ngobuntu bakhe nangomzila okhuthazayo awushiyayo elizweni lethu njengoko mna naye besinobudlelwane obubodwa njengomzali, umeluleki ekukhuleni kwam nenkokheli endiyithandayo.
Ngamaxa ebesikunye endithuma ukuba ndenze umsebenzi waKomkhulu, uBayethe ebeqapheleka ngokubonakalisa inkathalo ngabantu bonke; nokuba kuxa sisemkhosini womhlanga okanye emkhosini wokubhiyozela amagugu esizwe, nokuba kuseThokazi KwaNongoma apho bendikhe ndifike namafama athunyelwe ngurhulumente waseMerika ukuba azokuphucula ezolimo, nokuba kukwimbizo kwibala lemidlalo iMoses Mabhida eThekwini engokulwisana nokuxhatshazwa kwabemi bamazwe asemantla eAfrika apho wayetyityimbisela umnwe abephulimthetho ukuba bohlukane nokungcungcuthekisa amanye ama-Afrika.
Ndikhumbula ngonyaka ka2000 xa igqiza labaThembu lalihambele eMkhosini woMhlanga ebhotwe eNyokeni ukuyokucelela uMntwenkosi, uMfundo Mthirara inkosazana uMntanenkosi uNandi Zulu. Kulapho uBayethe wandikhuthazayo ukuba ndiyokudlalisa iintombi enkundleni, ndikhethe eza kuba ngumolokazana wasekhaya emaGubevini. Ngenene ndenza njalo ndizele luvuyo. Kuthe ngethuba sisemtshatweni eMatyengqina kweyoMnga ngo2002, waphawula kum bucala encumile uBayethe ukuba sekuvulelekile ukuba kusinelwe mna naninina emva kwalowo msitho. Ngenene kwaba njalo kweyoMnga ngo2003, ndabe ndikhulile ngokwamanqanaba obomi.
Kwiminyaka ubunkokheli bakhe bekukuvuthondaba, uBayethe ebengahanahanisi xa ekhusela amalungelo abantu nohlobo lokuziphilisa kweentsapho ezisezilalini nasekuchaseni urhwaphilizo oluthe ndi ngokuthabathe unyawo eburhulumenteni beli lizwe. Nangona kunjalo, asinto ilula ukumanya ilizwe ukuba abantu batsale ngaxhadi linye ekulweni norhwaphilizo phantsi koxinzelelo lweemeko apho iinkokheli zemveli zikwasisisulu sokuhendwa ngabezopolitiko abaseburhulumenteni kunye noongxowankulu.
Oku wakhawuleza wakuqonda uBayethe, kwaba sesona sizathu esiphambili sokuba angazibandakanyi nalinye iqela lezopolitiko sukela oko ilizwe lethu lalawulwa ngentando yesininzi. Ngokwenza njalo wabe uyazikhusela ekuntlontweni nasekuntlokothisweni ziinkokheli zamaqela opolitiko ezifuna ukutyeba ngokuxhaphaza abemi beli lizwe.
Abagxeki abacinga ukuba bekukho amaxesha apho izimvo nezenzo zikaBayethe bezikhe zingabonakalisi ubunkokheli obukhuthazayo basavumelana ngento yokokuba ebeyinkokheli enomqolo ngohlobo oluncomekayo. Ukuba nomqolo yinto enqabileyo kwiinkokheli zezopolitiko ezinoxanduva lokuphuhlisa ukusebenzisana ngokubambisana kweenkokheli ezonyulwe ngabantu kunye neenkokheli zomthonyama njengoko siyalelwa ngumgaqosiseko welizwe.
Ukuqinisa intsebenziswano phakathi kwezi nkqubo zimbini zolawulo kwilizwe elilawulwa ngokomgaqosiseko okhusela amalungelo abantu asinto ingenziwa ngempumelelo xa kufuniselwa isitya ebumnyameni. Koyame ngakumbi ekusetyenzisweni kwemithetho nemigaqonkqubo echanekileyo nekhuthazwa ngenkxasozimali hambelanayo noxanduva ekulindeleke ukuba lufezekiseke.
Kungoko kungumngeni kuthi sonke bantu abazingcayo ngobuntu bethu, kuquka norhulumente ngokwezigaba zonke, ukuba simhloniphe simkhumbule uBayethe ngokuqhubekisela phambili imizekelo emihle asishiyele yona kumzila wakhe oqaqambisa ukulondolozwa kwamasiko nezithethe kunye namagugu ethu sonke. Kuko konke oku esikukhumbulayo ngoBayethe, kungakhathaliseki nokuba igalelo lakhe liya kuhlala libonwa ngeendlela ngeendlela ngabantu ngabantu, ukuba nomqolo nokuba nenkathalo kwakhe esizweni sethu kuya kukhumbuleka kwizizukulwana ngezizukulwana ezizayo. Phila ngonaphakade, uphumle ngoxolo Silo saMabandla.
UNyembezi nguMhlalutyi weMigaqonkqubo