UMONGAMELI Cyril Ramaphosa uza kwenza iNtetho engoBume beSizwe ngokuhlwa kwanamhlanje (Lwesine) ephantsi koxinzelelo olumandla malunga nenkqubo yogonyo lwesizwe efumene ukugxekwa okumandla.
Njengoko isizwe sisazi, ichiza logonyo iAstraZeneca elisuka eIndia kufumaniseke ukuba alikulungelanga ukumelana nentsholongwane entsha yeCovid-19 eyaziwa ngokuba yi-501.V2.
Emva kovavanyo eli chiza logonyo kufumaniseke ukuba alinawo amandla awoneleyo okuqubisana nale ntsholongwane ehamba ngesantya esingummangaliso.
Ewe urhulumente welizwe sele ekuqinisekisile ukuba kule veki izayo iza kuqala inkqubo yogonyo, kodwa phantsi kwelinye ichiza labakwaJohnson & Johnson.
Umbuzo ngowokuba kutheni le nkqubo yokuvavanya eli chiza ingenziwanga kwantlandlolo ukuze kubonwe undonakele kusengethuba.
Kutheni kulindwe de lifike eli chiza ukuze kuvavanywe ukulungela kwalo? Eli litsha lona liqinisekiswe kangakanani?
Yonke le mibuzo kufuneka ayiphendule uMongameli xa ethetha nesizwe ngokuhlwa kwanamhlanje.
Ukuthembeka kwale nkqubo yogonyo yeyona nto eyakhe yabaluleka. Abantu baxhalabile ngulo bhubhane weCovid-19, kwaye ichiza logonyo yinto ekudala ilindelwe.
Into abantu abazibuza ngayo kukuba ichiza logonyo lifika nini kubo, nanjengoko lahlulwe lazizigaba ezithathu. Isigaba sokuqala ngabasebenzi bezempilo (kwarhulumente nakumaziko abucala), esesibini ngabasebenzi abakwiinkonzo ezingundoqo (ootitshala, amapolisa njalo njalo) kuquka nabo badala (60+) kwanabo baphila nezigulo, ze isigaba sesithathu ibe ngumntu wonke.
Icekwa lishiyeke nawe Mongameli ukuze uqinisekise ngokulungela kweli chiza ukulwa neCovid-19.