NGOLWESIBINI womhla wesibini kule nyanga, ilizwe loMzantsi Afrika libike ukuba bamalunga namakhulu amahlanu anamashumi amane anesixhenxe (547) abantu abathe babhubha ngenxa yeCovid-19. Kwangolu suku lunye, abantu abathe baqinisekiswa njengabo bosulelekileyo, bakumawaka amabini anamakhulu amathandathu anamashumi amane anesithoba (2 649).
Xa sisondela kwiphondo laseMpuma Koloni, ngolu suku lunye lukhankanywe ngentla, abantu ababhubhileyo ngenxa yale ntsholongwane bakumashumi amathandathu anesibhozo (68), logama abosulelekileyo bekumashumi amathandathu anesine (64).
Konke oku, kubonakalisa ukuba le ntsholongwane isekhona ngamandla phakathi kwethu. Lo nto ithetha ukuba abantu mabaqhube nokuzikhusela.
Njengoko kusaziwa, uMongameli Cyril Ramaphosa ubuvulile utywala emva kokuba bebuvalwe into engaphaya kwenyanga. Ukuvulwa kotywala kuthetha ukuba ishishini eliqamele ngotywala, lingabuyela ekwenzeni iintshukumo zengeniso futhi nabo basebenza kweli shishini baza kufumana ithuba lokubeka ukutya etafileni, baxhase neentsapho zabo ngezimali.
Le nto ithetha ukuba abantu abasela utywala, mabazicingele ezi ntsapho kuquka neli shishini. Isizathu sokuvalwa kotywala, njengoko uRamaphosa ebethe watsho, kungokuba kuye kufunyaniswe ukuba buyindawo ekwisizikithi sokunwenisa ngesantya esiphezulu le ntsholongwane.
Kubalulekile ukuba abantu abasela utywala bazikhwebule kwiintshukumo ezingaqiqanga, ezifana nokusela ngebhotile enye, ukunganxibi imaski esikroxweni esingenamoya othe gabalala kwanokuzula esitalatweni ngamaxesha angekho semthethweni.
Okunye, utywala bungunobangela kwiingozi zemoto ezindleleni, iingozi zemela kwanolunye ulwaphulomthetho oluphenjelelwa butywala.
Abantu abasebenza etywaleni kuquka nabanini beli shishini, abanakuyivuyela eyokuvalwa kotywala kwakhona, kuba babetheke kakhulu ngokwengeniso. Oku kuthetha ukuba lowo usela utywala, makakwenze oko ngenkathalo. Hlamba izandla zakho, gcina umgama phakathi komnye nomnye futhi unxibe imaski yakho ngamaxesha onke xa ukwindawo kawonkewonke.