Ukunganxitywa kwesifonyo yiNkulumbuso yaseMpumalanga uRefilwe Mtsweni-Tsipane ngethuba ezimase umngcwabo woMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uJackson Mthembu, sisenzo esinokufaniswa nokunyevulela umbuso. Kukungakhathali qwaba! Nangona ixolisile le nkulumbuso, isenzo sayo silibuyisela umva idabi neemfundiso zikarhulumente ezijolise ekulweni ubhubhane wekhorona.
Imifanekiso yakhe enganxibanga sifonyo ithe ndii kumaqonga onxibelelwano, ibonisa le nkulumbuso isophula umthetho, abemi beli kwezinye iindawo babethiwe, babanjwa ngamapolisa ngenxa yokuba bengazinxibanga izifonyo. Endaweni yokuba uMphathiswa wenkonzo yesiPolisa uBheki Cele enze ngokomyalelo wakhe, usathumela abangaphantsi kuye ukuba benze uphando ngale nyewe. Uphando lwantoni? Khona abantu abasebenza kufuphi kule Nkulumbuso bekutheni bengayitsalelanga ecaleni balungise isiphoso sayo, besazi kananjalo ukuba beze emngcwabeni weqhawe ebelibubuso bephulo lokulwa nale ntsholongwane. Amapolisa nabo baqeshelwe ukugada oosopolitiki bekutheni bangayilungisi le meko? Okanye mhlawumbi yinto yokuba amagosa orhulumento avumelekile ukwaphula umthetho ze aphume etshaya emva koko?
Lilishwa nje ukuba umngcwabo kaMvelase obumhle kangaka ugxojwe sisenzo sokungakhathali kwale Nkulumbuso. Ukuze eli lizwe likwazi ukuthoba amanani osuleleko nokwanda kwesi sifo, uMongameli Matamela Cyril Ramaphosa kumele enze umzekelo ngoMtsweni-Tsipane ukuze wonke ubani abone ukuba akudlalwa ngoku. URamaphosa nezinye izithethi zimchaze uMthembu njengendoda ebinomqolo, ezimiseleyo kwaye engoyikiyo ukuvakalisa imbilini yayo xa into ingayiginyi ncam kwaye igwenxa. UMthembu ngekukhalimele kakhulu ukunganxitywa kwesifonyo nguMtsweni-Tsipane. Ngoku lifikile ithuba lokuba amagosa karhulumente, oosopolitiki nabo basondeleyo kubo bazi ukuba imithetho ibekelwe ukululanyelwa ngumntu wonke, kwaye wonke umntu uyalingana phambi komthetho.
Ukufa akuqheleki kwaye sifumanisa isisingcolo nobugqwirha into yokuhlekisa ngokufa komntu njengoko sibonile kumanqwanqwa onxibelelwano emva kokuwa koMthembu, bambi bevakalisa uluvo lokuba ngekungabhubhanga yena, batsho bekhomba bantu bambi. Ayintlanga tu leyo! Omnye usopolitiki waKwaZulu Natal ushicilele intetho ekuvakala ingathi ivuyela ukusweleka kukaMthembu, nalapho sithemba ukuba amagunya aza kudlala indima eyohlwayayo neqeqeshayo.