IZIKO lezoZinzo (Sustainable Institute) leYunivesithi yaseStellenbosch likhuthaza ukujongwa kwekamva kuyo nayiphi na inkquleqhu yezophuhliso. Into ethetha ukuba kuza kuthi kubekho uphuhliso, kufuneka kujongwe ukuba liza kuba njani ifuthe lolu phuhliso kwezendalo.
Uphuhliso ke lwenzeka endaweni – emhlabeni, emahlathini, ngakwimilambo, ngaselwandle, ezintabeni, njalo njalo.
Uphuhliso olwenzekayo kufuneka lujonge ukuba lushiya ikamva elinjani kulo ndawo. Ingaba lishiya indalo ilambatha? Okanye lishiya abantu bephukelwe yimpilo? Okanye lishiya izilwanyana zisengxakini?
Ukuba impendulo, kule mibuzo mithathu ingentla, ngu ‘ewe’, oko kuthetha ukuba kukho into egwenxa ngolo phuhliso.
Into ebonwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa eMaCwerheni kuTsolo, phantsi kwesithili sakuNtabankulu, kule veki ibambisa amazinyo. Kule ndawo kuqhutywa umsebenzi wokuqhushunjiswa kwelitye lexabiso, kuquka nokombiwa kwalo, nangona nje kukho amangcwaba angaphaya kwamashumi amabini.
La mangcwaba ngawamanxiwa amadala. Abantu bale lali babe kade bokhile kule ndawo inamangcwaba ze basuswa ngaloo minyaka yenkqubo yengcinezelo kwathiwa mabayokwakha kwenye indawo.
Inkosi yale ndawo ithi ayinalwazi ngala mangcwaba kuba ayikhulelanga kule ndawo. Kodwa umbuzo kukuba ingaba isigqeba senkosi naso asinalwazi ngala mangcwaba?
Ngokomlomo wenkosi, kule ndawo ekuqhutyelwa kuyo olu qhushumbiso lwelitye kwafika mlungu othile wahlola umhlaba. Emva koko wabika ngengxelo ethi kukho ilitye eloneleyo ekufuneka lombiwe.
Kwavunyelwana nabani? Kuba abahlali baseMaCwerheni bathi abanalwazi ngesivumelwano sokombiwa kwelitye kule ndawo.
Kutsho ezo zithonga zokuqhekeza ilitye phezu kwamangcwaba wabantu abazizinyanya kwabanye. Iseluphuhliso? Abantu abamnyama bakholelwa ukuba umhlahlandlela neentsikelelo zabo zikubantu abalele ukuthula.
Omnye wabahlali oncokolele I’solezwe lesiXhosa ude wabuza kwiintatheli zeli phephandaba: “Umntu obhubhileyo akanawo amalungelo?”