KULO bhubhane weCovid-19, eyona nto abaninzi abathembele kuyo kukuba lakuba khona kusini na ichiza lokunqanda le ntshabalalo. Okwangoku alikabikho! Ithi lo nto abantu kufuneka baqhube nokuzikhusela kangangoko banako.
UMongameli Cyril Ramaphosa kule veki ubhengeze ukuba iyeza inkqubo yokugonyela lo bhubhane osele usube imiphefumlo yabantu abangaphaya kwamawaka amahlanu ukusukela oko uqalile lo nyaka.
Njengoko bekulindelekile, inkqubo yogonyo iza kuqala kubasebenzi bezempilo, emva koko kulandele abo basebenza njengootitshala, amapolisa, abantu abadala, njalo njalo.
Le nkqubo iza kutyabula ilizwe loMzantsi Afrika iimali ezivisayo kwaye, njengoko uRamaphosa ebesitsho, kulindeleke ukuba ibe yeyona yakhe yaxanda ukodlula nenkqubo yonyango lokuthomalalisa iHIV.
Kuninzi ke okuthethekayo malunga nolu gonyo, abanye bayaluthandabuza, abanye bathetha ngezinto ekunzima ukuzibamba umongo wazo ngokumayelana neenkqubo zezempilo.
Noxa nje uMongameli, kuquka nombutho ojongene nezempilo kwihlabathi iWorld Health Organisation, sele beqinisekise uluntu malunga nokukhuseleka kolu gonyo – abantu basaqhuba nokufaka izimvo zabo.
Akukho nto igwenxa ke kambe ekufakeni uluvo lwakho malunga nento echaphazela wena, kodwa bukhona ubugwenxa xa ubani elahlekisa abanye ngokudibanisa olu gonyo nezinye izinto ekungekho phando lungqale ngqo malunga nokudibana kwazo kolu gonyo luzayo.
Abantu mabaqhube nokuthetha futhi bafake izimvo kule nkqubo yolu gonyo, kodwa kubalulekile ukusekelezela into ubani ayithethayo kwezenzululwazi. Masikhumbule ukuba umgangatho wamachiza usekelezelwa kwezenzululwazi.
Iya kuba mbi into yokuba luthi ngoku olu gonyo luphunyeziwe ngamaqumrhu ahlola imigangatho yeemveliso zezempilo, kodwa abantu bale ukuthabatha inxaxheba ngenxa yokulahlekiswa.
Isizwe siyatshabalala! Imizi iyavalwa! Masichule ukunyathela xa sifaka uluvo lwethu kule nkqubo yolu gonyo.