Iindaba

UNceba Dladla uphise ngeencwadi zesiXhosa kwizikolo zaseZimbabwe

Mthetheleli Mazwai|Published

Owayesakuba yimbethimanqindi uNceba Dladla nosele engumbhali ngoku.

Image: Uthunyelwe

Owayeyimbethimanqindi eyaziwayo futhi oyinzalelwane yaseMdantsane, uNceba Dladla, uphise ngeencwadi zakhe ezingamashumi amabini kwizikolo zamaXhosa aseZimbabwe kutshanje.

UDladla, ongumshumayeli wakwalizwi obalaseleyo nosomashishini ozinze eGqeberha, ukwa ngumbhali weencwadi, imibongo namabali amafutshane wolwimi lesiXhosa.

Uphawule wathi: "Ndiyazingca ngokwenza esi sipho seencwadi yemibongo kwisizwe sakowethu esizinze eZimbabwe. Kwaye ndiyathemba baza kuxhamla kakhulu baphinde bafunde nzulu ngesizwe samaXhosa kuba kudala bemnka kweli lethu kodwa ndiyavuya kuba basathetha futhi benza amasiko esiXhosa."

Le ncwadi kaDladla esihloko sithi, 'Umqwayito (Izibongo)', iyingqokelela yemibongo egxile kwimvelaphi nentsingiselo yeefani zamaXhosa.

UDladla ubalisele eli phephandaba ukuba wadibana nendoda ekuthiwa nguChester Dywili yaseMbembesi, eZimbabwe, okunguye owamxelela ngentlungu yokungabikho kweencwadi nezixhobo zokufundisa isiXhosa kumaziko emfundo kwela lizwe.

Indibano noDywili yakhokelela ekubeni uDladla aqokelele iincwadi ahambe aye eZimbabwe xeshikweni ethathe ikhefu waya eVictoria Falls.

"Kuqale kulo nyaka ukufundiswa isiXhosa kumaziko emfundo asezantsi kwiilali zamaXhosa eMbembesi, loo nto ke yenzeke ngefuthe negalelo labahlali balapho abakhalazela ukungahoywa kolwimi lwabo ngurhulumente kule minyaka egqithileyo.

"Ngoku isiXhosa sifundiswa kwizikolo zamabanga aphantsi iMqwashwini neMaqaqeni, naseSojini High School," kutsho uDywili.

IMbembesi yilali enkulu apho kwakhelwe khona isizwe samaXhosa namaMfengu. Bayikha kwela lizwe [le lali] ngeminyaka yoo1890 bengabasebenzi bakaCecil John Rhodes besuka kwindawo eyayisaziwa njengeEast Bank, eMonti.

"Sinomnqweno wokuba kwandiswe ukufundiswa kwesiXhosa kwiilali zonke zamaXhosa kweli lizwe. Ezi ncwadi zizosincedisa kakhulu kuba sizozifaka kumathala eencwadi kwezi zikolo zontathu ukuze abantwana bakwazi ukuziboleka bazifunde emakhaya," utshilo uDywili.

Uninzi lweencwadi zinikezelwe kwisikolo iSojini High School, kwazokuthi iqaqobana zanikezelwa abafundi baseMqwashwini naseMaqaqeni kwitheko ebelibanjelwe eSojini High School.

"Siyavuya kakhulu ngesi sipho kwaye sibongoza abahlali ukuba basincede ngeencwadi zesiXhosa kuba banqabile ababhali besiXhosa kweli lizwe," utshilo uNkosazana uFelicity Ntuli-Gangatha olitshantliziyo aphinde abengutitshalakazi wesiXhosa.