Iindaba

UCyril Ramaphosa uyawakhanyela amabango okungenelela kwezopolitiko kwiNPA

Mashudu Sadike|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa uyawakhanyela amabango okungenelela kwezopolitiko kwiNPA.

Image: X/GCIS

UMongameli uCyril Ramaphosa ngoLwesine ukhanyele naziphi na izikhalazo zoMphathi kaZwelonke wezoTshutshiso (NDPP) uShamila Batohi malunga nokungenelela kwezopolitiko kwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).

URamaphosa uthethe ezi ntetha ngethuba ephendula imibuzo ePalamente.

Umba wokungenelela kwezopolitiko kwiNPA wabekwa phambili nguWesley Douglas weMK Party.

UDouglas ubuze malunga nezikhalazo zakutshanje ezibhekiselele kwiNDPP kwaye wabuza ngqo uRamaphosa malunga nokuba ezi zinto zixhalabisayo bezikhe zaxelwa na kuye.

"I-NDPP isandul’ ukukhalaza ngelithi kukho ingxaki kwaye kukho ukungenelela kwezopolitiko kwiziphatha mandla zotshutshiso. Ingaba oku kuye kwaxelwa kuMongameli, kwaye zeziphi iinkxalabo ezithe zaphakanyiswa?" ubuze watsho uDouglas.

Kwimpendulo yakhe uRamaphosa ukhanyele ukuba unolwazi malunga noku.

"Andizange ndiyive iNDPP ikhalaza ngokungenelela kwezopolitiko, kwaye andingeneleli kwimiba yokutshutshisa," utshilo.

Uphinde wakubethelela uluvo lwakhe ekudala enalo malunga nokwahlulwa kwamagunya, egxininisa ukuzimela kwamaziko anikwe umsebenzi wokukugcina umthetho.

"Ndiyibeke yacaca kule Ndlu ukuba njengoMongameli, andizimiselanga ukuba ngumtshutshisi, ipolisa, ijaji, okanye nabani na kwabo kuba sinabantu abanyulelwe ukwenza le misebenzi.

"Indima yam kukuqinisekisa ukuba abo bantu bayaqeshwa kwaye benza umsebenzi wabo ngokwemithetho yethu nangokwemigaqo yomgaqosiseko wethu ngaphandle kokuphazamiseka," utshilo.

URamaphosa uvumile ukuba kukho umnqweno wokubandakanyeka kwimiba elolu hlobo, kodwa wagxininisa ekubambeleleni kwimithetho siseko yenkqubo yezobulungisa ezimeleyo.

"Kusenokwenzeka ukuba kukho umnqweno wokubandakanyeka, kodwa bendihlala ndikhokela ngokuchasene noko. Amaziko kufuneka asebenze ngokuzimeleyo ngaphandle koloyiko, umkhethe, okanye ukucalula."