Imoto kaBrown Mogotsi ifunyenwe inemingxuma yeembumbulu eVosloorus emva kwesiganeko apho kutyholwa ukuba bekukho iinzame zokumbulala ngobusuku bangoMvulo.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
UBrown Mogotsi, usomashishini ongundabamlonyeni waseMntla Ntshona, akakalivuli ityala lokuzama ukubulala emva kokuba imoto yakhe ifunyenwe inemingxuma yeembumbulu kwisitalato iMdhlebe, eVosloorus Extension 25, ngoMvulo ebusuku.
Amapolisa amchaze njengongenantsebenziswano kuphando.
UMogotsi, noyayanyaniswa nezityholo zokungenelela kwimicimbi yamapolisa ngamanye amangqina kwiKomishini kaMadlanga kunye nekomiti yethutyana yasePalamente – ezi nkqubo zimbini ziphanda izityholo zokungenelela kwezopolitiko kumanqanaba aphezulu esipolisa.
Esi sehlo senzeke kwiintsuku nje ezimbalwa phambi kokuba uMogotsi avele kwikomiti yethutyana yasePalamente ekupheleni kwale nyanga, nalapho kulindeleke ukuba anike ubungqina ngezityholo apho ayanyaniswa namalungu eqela leziyobisi, amaqela olwaphulomthetho kwakunye nezityholo zokuba unobudlelwane noMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu.
Ethetha ngaphandle kwesikhululo samapolisa eVosloorus, isithethi samapolisa uBrigadier Athlenda Mathe uthe ifowuni kaMogotsi isavaliwe, ngelixa kunxibelelwano lwakhe lwangaphambili namapolisa, uMogotsi uthembise ngokuvula ityala ngesi siganeko, kodwa ebengekaqalisi [ukulivula] ngentsimbi yeshumi elinesibini emva kwemini ngoLwesibini.
"Kufuneka sifumanise ukuba kwenzeke ntoni kanye kanye. Nokuba uMnu. Mogotsi uyaziveza okanye akazivezi kwiveki ezayo ukuze kuthathwe le ngxelo, siqhuba nophando kwityala lokuzama ukubulala, kwaye xa liqoshelisiwe ityala, ndicinga ukuba siza kuzibeka elubala ezo nkcukacha. Ingxelo yakhe ibalulekile ukusinceda siqonde ukuba kwenzeke ntoni phezolo (ngoMvulo)," utshilo uMathe.
Abamelwane abathi baye baziva izithonga zompu, bathi ukuba indawo yexhwayelo sele iyindawo yolwaphulomthetho kula mmandla.
"Ndifudukile kwela gumbi bendilirenta. Ndiyavuya kuba ndiphumile ngenxa yemeko yolwaphulomthetho," utshilo omnye.
"Bendilele kodwa ndeva izithonga zompu," utshilo omnye umhlali.
Omnye uthe naye ebelele ngethuba esiva izithonga zemipu, esithi esi siganeko senzeke kufutshane nendlu yakhe.