Iindaba

Icebo ngendlela uR75 egqiba abantu ngeengozi

Abongile Ginya|Published

Le ngozi yenzeke kusasa ngoLwesibini ngaseAddo. Isebe lithi akukho mntu wonzakeleyo.

Image: ECDot

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi iyaxhalabisa indlela uR75 kuba iintsapho ezininzi ziphulukana namalungu azo osapho okanye ashiyeke egogekile ngenxa yeengozi ezenzeka kuyo.

Le ndlela, neyenye yezo zichazwe ngezihamba phambili ngobungozi eMpuma Koloni, iphakathi kweBhayi kwakunye neKariega.

ISebe lithi liza kwenza ngako konke ukusindisa ubomi babantu kule ndlela. UNqatha uthi le meko idinga ungenelelo lweenjineli kwanokufundiswa koluntu khonukuze kuphele ukubhubha kwabantu kule ndlela uR75.

"Inani labantu ababulawa yile ndlela uR75 okanye abonzakala kule ndlela alamkelekanga. Amatyeli sibona iintsapho zixhelekile kwanabahlali abahlala ngoloyiko qho xa beza kuwela le ndlela. SiliSebe siza kuphakama senze ungenelelo sisebenzisane nabasemagunyeni ukutshintsha le meko," utshilo uNqatha.

Ngokwengxelo yesithethi seli Sebe, u-Unathi Binqose, ithi uR75 yindlela kule minyaka yakutshanje enenani eliphezulu ngendlela ekhwankqisayo lokubhubha kwabahambi ngeenyawo abanye baphulukane nobomi babo ngelixa bewela indlela.

Ingxelo iqhuba ithi kwabo bantu baphulukene nobomi babo kule ndlela, kuquka nabantwana abangamawele ababewela bagilwa yimoto eyayihamba ngesantya esiphezulu.

ISebe liza kube liseMissionvale Care Centre eGqeberha kusasa ngoLwesithathu apho kuza kube kuzanywa nokuliwa kweengozi ezindleleni ingakumbi ngeli xesha lijonge kwiklisimesi.

ISebe libongoza uluntu luqhube ngobunono kule ndlela.