Iindaba

Iyalelwe ibheyile intokazi yaseKwenxurha ebihlabe yabulala utata womntwana wayo!

Abongile Ginya|Published

Intokazi yaseCwili eKei Mouth iseziseleni malunga netyala lokuhlaba ibulale utata womntwana wayo oliPolisa eKwenxurha, eMonti.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Inkundla yamatyala eMonti imyalele ibheyile uZovuyo Nkohla (31), obehlabe wabulala uKhayalethu Soteni (40) obenguSajini kwisikhululo samaPolisa saseKwenxurha. Esi sehlo senzeka ngeCawe umhla wesixhenxe kwinyanga ephelileyo neyaye yabanjwa le nkosikazi yavalelwa.

Ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uNdimphiwe Mhlakuvana, ithi uNkohla uza kuvela kwakhona phambi koMantyi ngomhla we19 kwinyanga ezayo kweyeNkanga.

UMhlakuvana uthi uNkohla oko wabanjwa wabangaphakathi eziseleni ebemane equqa ebuyelela enkundleni efaka isicelo sebheyile singade samkelwe nanjengoko kusaqhutywa nophando.

Oku kuza emva kokuba ngeCawe umhla wesixhenxe kweyoMsintsi kusemva kwemini amaPolisa abizwa kwilali iSoto eKwenxurha kusiza emva kweengxelo zokuba kunePolisa ebelingaphangelanga elihlatywe labhubha ngumama womntwana walo.

Kungethuba uNkohla wayetyelele kwigumbi likaSoteni apho kwaye kwanokungavisisani, uNkohla wahlaba ngemela yasekitshini uSoteni.

USoteni wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo. UNkohla waye wabanjwa kwathathwa nemela leyo kwaye wachazwa njengokuba ngowelali iCwili eKei Mouth.