Abafuyi bayabongozwa ukuba bayokufanisa iinkomo zabo esikiti kuQumbu.
Image: SAPS
AmaPolisa esithili aseOR Tambo abongoza kubanini bemfuyo abathe balahlekelwa ziinkomo bakuTsolo nakuQumbu ukuba bayokufanisa kwisikiti esikuMasipala wakuQumbu.
Ingxelo yesithethi samaPolisa uCaptain Welile Matyolo ithi iinkomo eziyi98 zibhaqiwe zisitya ingca kodwa abelusi bazo bebalekile. Ezi nkomo zinonjoliwe logama ezinye zinganonjolwanga.
Kusenjalo, kubhaqwe iigusha eziyi109 emva kokuba zikhutshwe ebuhlanti kumzi oseMhlakulo kuTsolo.
UCaptain Welile Matyolo uthe ziigusha zixabisa iR189 000,00 ezibhaqwe phambi kwentsimbi yokuqala ekuzeni kusa ngamaPolisa emva kokuba efumene umnxeba.
Obambeleyo kwisiThili saseOR Tambo uBrigadier, Vukile Ntuli, uqhwabele izandla oogxa bakhe ngomsebenzi omhle abawenzayo. Ukwatyityimbisele izaphulimthetho esithi iintsuku zabo zibaliweyo.