Iindaba

Anikwe izixhobo zokulima amafama aseNgqushwa ukuze agxoth' ikati eziko

Abongile Ginya|Published

Abanye bamafama axhamlileyo bencedwa yiOfisi yezoLimo eNgqushwa ibambisene noMasipala iNgqushwa.

Image: Ngqushwa Local Municipality

Angaphaya kwamashumi alithoba (91) amafama athe abonelelwa ngezixhobo lisebe leZolimo libambisene nomasipala waseNgqushwa phantsi kwenkqubo ethi 'iLima Lokulima'.

Ophuma kwiSebe lezolimo kwiOfisi eseNgqushwa, uZintathu Gilman, uthe abaxhamli abayi91 bathe bachongwa emva kokufaka izicelo zokuxhaswa kwinkqubo ethi iLima Lokulima.

UGilman uthe iinjongo zokulima kukwandisa indlela yokuveliswa kokutya, ukulwisana nendlala, abantwana abangondlekanga kakuhle nokuxhasa amakomkhulu akwazi ukondla izizwe zawo. Uhambise kwintetho yakhe wathi le nkqubo igxile kwabo kudala belima nabo bafuyayo, hayi abasaqalayo.

UCeba uNomzamo Mtati, obebambele uSodolophu, uye wenza amazwi enkuthazo kumafama nakubelimi. "Urhulumente uthi, 'Vuk’ uzenzele' kwaye ubonakalisile ukuba uyafikelela kwabo baphakamayo," utshilo. Inani lamafama lisuka kwiiwadi ezilishumi elinambini eNgqushwa.

Uhlobo lezixhobo zokulima abaxhaswe ngazo: yimbewu yeetapile, iminqatha, ikhaphetshu, ibeetruthi, ithanga (Butternut) izichumiso kunye nokutya kwezilwanyana.

INkosi yendawo uNkos' Njokweni uthe umnqweno weeNkosi kukubona uluntu laseNgqushwa lukwazi ukuvelisa ukutya nokuxhasa iintsapho zalo. "Sifuna bathengise isivuno kwiimalike zasekuhlaleni, nto leyo iza kukhuthaza ukuzimela kunye nokukhula koqoqosho lwengingqi," utshilo uNkosi Njokweni.