Iindaba

Abathathwa abantwana bezikolo ngoMvulo ozayo, batsho oonoteksi baseMpuma Koloni

Abongile Ginya|Published

Isikhokelo esiphezulu seSANTACO eMpuma Koloni siphelele kwindibano ebise Orient Theather eMonti emini namhlanje uLwesine.

Image: Zama Macingwane

Emva kwindibano yoonoteksi, iSANTACO ithe oonoteksi abazukubathatha abantwana bezikolo ngoMvulo weveki ezayo, endaweni yoko, baza kwenza umngcelele oya kwiiOfisi zeSebe lezoThutho eziseShornville, eQonce. Oku kuthethwe nguSihlalo weSANTACO ephondweni, uSimphiwe 'Gabs' Mtshala ngethuba ethetha neentatheli namhlanje (Lwesine) eMonti.

Uthe baza kuya kwiSebe ngeliyokusabela ukuba baza kubhatalwa nini na imali yokuthuthwa kwabantwana bezikolo (schooler transport). Kuthiwa kukho oonoteksi abaneenyanga ezintathu bengabhatalwa imali yokuthutha abantwana nguRhulumente.

UMtshala uvumile ukuba ibakhona imingeni emininzi ngoba kuyenzeka ukuba abanye bangakwazi ukugcwalisa iinkcukacha ngendlela efanelekileyo, logama abanye besenza yonke into kakuhle kodwa bangaze babhatalwe. Ngoku bathi bafuna ukuya kuqonda kuRhulumente.

Kanti ayizizo ezi kuphela izikhalzo zabo. Esinye isikhalazo sabo ngumyinge ka6% wokunyuselwa kwabo okwakwenziwe kudala ngurhulumente. Ngokutsho kwabo, sisithembiso eso esingekafezekwiswa nguRhulumente. Okunye kukubona sele kuthotywe iikhilomitha kungadlulwanga kubo.

Yena uMxhosa Sobazile, olisekela likaSihlalo weSANTACO, uthe kuza kudityanwa ngentsimbi yeshumi ngoMvulo ngonooteksi bonke bePhondo watsho ehlab'ikhwelo koogxa bakhe ngelithi kuvisiswene ngaphakathi kwindibano okokuba ayizukuba ngumngcelele wodushe, iza kuba yinzolo.

OkaSobazile uqhube wathi akuzuvalwa zindlela kutshiswe matayala endleleni. Iza kuba ngumngcelele wocwangco, abantu bavumelekile ukuba baphangele njengesiqhelo. Uthe nabo banabantwana bazele bayakwazi ukubaluleka kwesikolo nemfundo kungoko berhalela urhulumente aphendule kwangoko.

Zonke iinkokheli ezikwisigqeba esiphezulu kwiSANTACO, eMpuma Koloni, zivumelene ukuba akuzubakho dushe ngolu suku nanjengoko zisithi nazo zikhokhelisa imfundo phambili kuba nazo zizele futhi zinabantwana abafundayo ngoko ke urhulumente makabahloniphe ooTeksi.