Iindaba

UMalema uthi iEFF mayisebenzele ukuthatha iBuffalo City Municipality

Abongile Ginya|Published

Abaxhasi kwanabalandeli bombutho weEFF phambi kweNkundla ePhakamileyo yamaTyala eMonti kwiveki ephelileyo.

Image: ABONGILE GINYA

Inkokheli yombutho ophiksayo, iEconomic Freedom Fighter (EFF), uJulius Malema, ithe kubalandeli bayo bangayilileli kuba yona ayoyiki ukuya ejele akayoyiki yatsho ibayalela ukuba baqinise imiqolo bakhulise amasebe kwiindawo abakuzo ukuze baphathe iBuffalo City Municipality.

“Asibuyi ngamva, hambani niyokuqinisa amasebe ombutho kwindawo zenu nilungiselele ulonyulo looRhulumente basemakhaya oluzayo. IBaffalo City mayibe yeyenu. Qinisani amasebe okwenyani,”utshilo uMalema kutshanje eMonti.

Le nkokheli ye-EFF ikuthethe oku kubalandeli bayo ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo phambi  emva kokufunyanwa kwayo nguMantyi inetyala lokophula imithetho yokuphathwa kwemipu esidlangalaleni. UMalema wabonakala kwividiyo edubula phezulu eSisa Dukashe, eMdantsane, apho iEFF yayibhiyozela iminyaka emihlanu ngonyaka ka2018.

UMalema ukwayalele abalandeli bakhe ngelithi bangamlileli, endaweni yoko mabagxile kwiintsika ezisixhenxe zayo iEconimic Freedom Fighters. Kulindeleke ukuba uMalema agwetywe ngokusesikweni eMonti ngomhla wama23 kwinyanga yokuqala  kunyaka ozayo (2026).

Ngomhla afunyenwe ngawo enetyala, uMalema uye wathi uza kufaka isicelo sokubhena xa ityala ligqityiwe kunyaka ozayo kwaye uza kumelwa ligqwetha eliphambili, uTembeka Ngcukaitobi.