Iindaba

Kwanceda abahlali baseTolofiyeni etyaleni lowaqhekeza isakhiwo sikaMTN

Abongile Ginya|Published

Ugwetywe iminyaka esibhozo umrhanelwa wangaphandle owesibini ugwetywe ubomi malunga nokufunyanwa beqhekeza ipali yomnatha kaMTN (MTN tower network) eTolofiyeni eQonce.

Image: IOL

UDennis Shanganya (34) uza kuchitha iminyaka esibhozo (8) engaphakathi eziseleni emva kokuba ethe wagwetywa yiNkundla yaseQonce. Ukubanjwa kwakhe kuza emva kokuba inkundla imfumene enetyala lokonakalisa izakhiwo kwanokufunyanwa enezixhobo ezibiweyo.

Ngaphakathi ejele uza kufika kukho awayesebenzisana naye uPurity Marava (29) nowagwetywa ubomi kwangesi senzo agwetyelwe sona uShanganye.

Ngokwengxelo yesithethi sooKhetshe (Hawks, Warrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, uthi esi sibini sabangaphandle, ngomhla we25 kuTshazimpuzi kunyaka ophelileyo. Emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku bangena kwisakhiwo esikhuselekileyo sikaMTN  kwindawo ekuthiwa kuseTolofiyeni, eQonce, beyokumosha.

Kuthiwa esi sibini saqhaqha ucingo lombane sisebenzisa intonga yentsimbi negrayinda ngenjongo yokungena sibe izixhobo zomnatha.

Ingxelo ithi inkampani yokhuseleko uBidvest enendawo eTolofiyeni yakhawuleza yahlaba ikhwelo lokuncediswa ngabahlali baseTolofiyeni abakhawuleza kwabanjwa abarhanelwa besazama ukubaleka.

AmaPolisa afika kwangoko nawo emva kokubizwa ngabahlali babanjwa abarhanelwa. Ityala labo laye lanikwa ooKhetshe ukuze baqhubele phambili nophando.

Ngethuba kuxoxwa ityala, uMavara walivuma ityala wagwetywa engasokolisanga. INtloko yeHawks eMpuma Koloni, uNjengele Obed Ngwenya, uqhwabele izandla iqela lakhe nabahlali abenze umsebenzu omhle eTolofiyeni.