UMongameli weMayibuye Afrika Movement uFloyd Shivambu.
Image: X
Inkokeli yeAfrika Mayibuye Movement, uFloyd Shivambu, ugalele amanzi imibutho ephikisayo ephambili yabantsundu eMzantsi Afrika njengengakufanelekelanga ukuthatha indawo yeANC, ebiza iEFF ‘njengengenamkhombandlela’ esithi ayigxilanga ebantwini.
Kudliwanondlebe neSABC ngentsasa yangoLwesithathu, uShivambu ubhengeze ukuba nangona iANC “isifa” kwaye “iwufezile umsebenzi wayo wembali,” awukho owunye umbutho wezopolitiko ontsundu okhoyo obonelela ngenye indlela ethembekileyo yokuhlangabezana nengxaki yentlalo noqoqosho eyandayo eMzantsi Afrika.
"I-EFF ayingombutho ufanelekileyo ukujongana nengxaki yoMzantsi Afrika," utshilo uShivambu. "Iya kuyenza imbi ngakumbi le ngxaki. Ngoba? Kuba ayinamkhombandlela kwaye inemikhwa yeANC."
Kolona gxeko lwakhe luthe ngqo ukuza kuthi ga ngoku oko wathi waseka umbutho wakhe, uShivambu wabanga ngelithi iEFF yamkela izenzo zorhwaphilizo kunye nokulahla iinqobo ezisemgangathweni zokuseka kwayo.
Owayesakuba nguSekela Mongameli weEFF, uShivambu udize ukungasebenzi kakuhle kwangaphakathi kunye nokuchasa uxanduva lokuphendula, ingakumbi xa lo mbutho wawungena koorhulumente boomasipala baseGoli, eNelson Mandela Bay naseTshwane.
"Bekukho izikhalazo malunga nokuziphatha kwamagosa ethu eburhulumenteni, xa sizama ukungenelela, kuwiswe izindululo zombutho ukukhusela izenzo ezigwenxa," ucacise watsho.
UShivambu ukwathathele kuye uxanduva lokungathabathi manyathelo kwamsinyane, esithi indlela yakhe yobunkokeli ibeka phambili ukwenza izigqibo zeqela ngaphezu kweenkolelo zobuqu – nangona izigqibo zombutho zingqubana nemigaqo yakhe.
"Andisokuze ndinyanzelise iimbono zam zobuqu kwiqela. Nokuba bendingavumelani, bendizithoba kwisininzi. Yindlela ebendisoloko ndikhokela ngayo."
NgokukaShivambu, inyathelo lokuqala lokuthatha inxaxheba kweEFF kulawulo yayiliqhinga: wayefuna ukuvavanya ukuba amalungu aza kuziphatha njani xa ephathiswe igunya.
Kodwa okuthe kwavela, uthe, yinkqubo embi yokuzityebisa, ithatha indawo yezigunyaziso zangaphambili ezigxile ekunikezelweni kweenkonzo kunye nokudala imisebenzi.
"Besisoloko sidibana ngeveki – [ukubonisana] mingaphi imisebenzi eyadalwayo, zeziphi iinkqubo eziphunyeziweyo ebantwini. Oko kwabhangiswa kwaye kwangena izigunyaziso zokuzityebisa. Kulapho ndarhoxayo."
Lo mbutho usandul' ukuphehlelelwa, uzichaza njengonendlela yokuziphatha, oqhutywa ngabantu, nozinikele kulawulo olusesikweni kunye nemithetho-siseko yokuvuselelwa kweAfrika.
UShivambu uye wabongoza ukumiselwa ngokutsha kwezopolitiko, okusekelwe kubunkokeli bemveli, imigaqo yenkolo, kunye nophuhliso olusekelwe ekuhlaleni.
Iintetha zakhe kulindeleke ukuba ziqinise ukungavisisani phakathi kweMayibuye kunye neEFF phambi konyulo oluzayo, nalapho abahlalutyi bezopolitiko abaninzi beqikelela uqhekeko lwevoti zabantsundu koomasipala abaphambili
Kodwa iEFF sele itshilo ukuba ayizukuhoya kwanto ethethwa nguShivambu.
Kusenjalo, uShivambu uthe umbutho wakhe uza kuphumelela kunyulo loorhulumente basekhaya luka2026 kunye nolonyulo luka2029.