Ubomi kwindoda (41) edlwengule intwazana yayo yayimithisa.
Image: IOL
Indoda yaseWalmer edlwengule intwazana yayo ayizalayo into engange minyaka esibhozo de yabe iyakhulelwa, igwetywe ubomi yiNkundla yeNgingqi yaseGqeberha emva kokuba ithe yamfumana enetyala lokuphinda phinda idlwengula umntwana wayo neyamqala ineminyaka elishumi (10) de waneshumi elinesibhozo (18).
Ixhoba ngoku lineminyaka engamashumi amabini (20) ubudala. Ngokwengxelo yeNPA, elisikizi liqale ukwenzeka ngethuba ixhoba (10) liyokuhlala noyise walo nowayesanda kubuya ejele emva kwengxabano yosapho.
Ixhoba layigcina esifubeni kulo le mfihlo into engangeminyaka esibhozo (8), nezokuvela xa uninakazi wexhoba ebhaqa kuWhatsApp ukuba utata womntwana ngutamkhulu.
Usapho lavula ityala emapoliseni kwangoko wabanjwa utata labe seliqalisa netyala. Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ixhoba laqala ukudlwengulwa ngutata walo besahlala kwindlu eligumbi elinye. Uthi ekuhambeni kwexesha bemka bayokuhlala kwindlu enamagumbi kwabe sele kukho nentokazi encuma noyise wexhoba.
Utata wexhoba zange kumnqande ukuhlala kwabo nesithandwa sakhe waqhubekeka kwakhona ukumdlwengula kodwa emdlwengulela endlini yangasese.
UTyali uthi ixhoba lithi kambe kukudala lidlwengulwa nguyise walo alisayazi nokuba kukangaphi. Ingxelo iqhuba ithi emva kokuba umntwana ekhulelwe, uyise wakhe wamcebisa ukuba axoke athi indoda emkhulelisileyo ibalekile.
Xa bekuqhuba ityala ezinkundleni, utata womntwana uphikile esithi ngumntwana obezifunela kuye kwaye ukwenza isondo babevumelena ekwathi uqale ukulala naye eneshumi elinesine (14) hayi isibhozo (8).
Lo tata waphika nokuba wanyanzela umntwana wakhe ukuba asikhuphe isisu novume kuphela eyokuba watsho ukuba makaxoke ngomntu amkhulelisileyo athi ubalekile.
UAdvocate Kenny Van Biljon uthe umrhanelwa khange abonakalise ukuzisola ngesi senzo ngethuba eseqongeni kuqhuba ityala njengamntu osandula ukuphuma ejele emva kokuba wayegwetyelwe ukudlwengula ngo2004.
Lo wakhululwa ngo2016 apho wafika waqalisa khona ukudlwengula umntwana wakhe. Ixhoba nelineminyaka engamashumi amabini ngoku, labeleka ngenyanga yoMsintsi ka2019.
INPA isamkele esi sigwebo, ikwancoma nexhoba ukubalikroti kwalo ngokuthi lize ngaphambili futhi lithembele kwingalo yomthetho.