UJenna Ernstzen kunye nekeyiki yakhe ephumeleleyo ebizwa ngokuba yiShirley's Garden kukhuphiswano lweSnowflake Rising Stars ngonyaka ka2024.
Image: Uthunyelwe
Ngoku kunyaka wayo wesibini, ukhuphiswano lweSnowflake 'Rising Stars', ngokubambisana neBorder Kei Chamber of Commerce, lumema ababhaki kuwo wonke ummandla ukuba babonise izakhono zabo. Ukhuphiswano luvulwa ukusuka ngomhla wama25 kweyeThupha ukuya kumhla wama25 kweyoMsintsi, apho abaphumeleleyo abathathu abaphezulu baya kwabelana ngamabhaso axabisa ngaphantsi nje kweR150 000, kubandakanywa imali yokuqala ishishini, inkxaso yentengiso kunye nesitokhwe sakwaSnowflake ukunceda ukukhulisa amashishini abo.
“NjengoSnowflake, sinomdla wokunceda ababhaki kunye nabapheki ukuze izinto abazenzayo zibonakale zibe nencasa kwaye zingalibaleki,” utshilo uSibongile Mooko, iMarketing Executive ePremier, inkampani engumnini weSnowflake.
“NgeRising Stars, sijonge ukuphuhlisa izakhono zabantu basekuhlaleni ngokubonelela ngezixhobo, izakhono nokubenza babonakale, nto leyo abayidingayo ukuze baphumelele baze bakhulise amashishini abo. Olu khuphiswano alukho malunga nebhaso kuphela; lumalunga nokuba yinxalenye yoluntu olubhiyozela kwaye luxhase ubugcisa bokubhaka.”
“Ukuphumelela ukhuphiswano kwandenza ndazithemba, kwandinika izixhobo kunye nokuthenjwa ukuze ndikhulise ishishini lam kwaye ndikholelwe kubuchule bam,” utshilo uJenna Ernstzen weSugar Coated, ophumelele ngo2024. “Ukusukela ngoko, iiodolo zam zonyuke kakhulu, ngenxa yoqeqesho kunye nenkxaso yokuthengisa endiyifumeneyo.”
Kulo nyaka abantu abalishumi abagqwesileyo baza kuthabatha inxaxheba kumsitho wokubhaka, ibake-off ngabula makhumsha, ngomhla we18 kweyeDwarha eBlue Ribbon Hospitality & Cookery School of Excellence, apho abaphumeleleyo baya kubonisa izakhono zabo zokubhaka iikeyiki kwiqela leejaji.
Amabhaso:
Umntu ngamnye kwabathathu abaphezulu uya kufumana nezixhobo zoshishino ezixabisa iR30 000, izibhengezo zePR nesitokhwe seSnowflake.
Abangenela ukhuphiswano kufuneka babe ngabemi baseMzantsi Afrika okanye abahlali abasisigxina abaneminyaka eyi18 nangaphezulu kwaye baqhube ishishini lokubhaka ixesha elingaphantsi kweminyaka emithathu kummandla weBorder Kei. Ngenela ku-snowflake.co.za/competitions ngokugcwalisa ifom kumnatha phantsi kwendawo ethi 'Competitions'.
Olu khuphiswano luxhaswa yiBlue Ribbon Hospitality & Cookery School of Excellence, Pieter Kruger Foundation, All Things CAKE, kunye neThee Gifted Hands.
“Ukubambisana neSnowflake kunika ababhaki bethu bengingqi iqonga elixabisekileyo lokuqatshelwa kunye nokukhula,” kutsho uLizelle Maurice, uSihlalo weBorder Kei Chamber of Commerce. “Kumalunga nokwenza uluntu oluxhasanayo apho ababhaki abanomdla banokwabelana, bafunde kwaye baphumelele kunye.”
Injongo yeSnowflake kukuxhobisa ababhaki kunye nabapheki ukuba benze izinto ezibhakiweyo ezimuncisa iminwe ngalo lonke ixesha, bebonelela ngezinto ezikumgangatho onokuthenjwa ngalo lonke ixesha. Ngamanyathelo afana neSnowflake 'Rising Stars', inkampani inceda ekuguquleni into ayithandayo umntu ibe lishishini elizinzileyo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeSnowflake 'Rising Stars' nangendlela yokungenela, thumela i-imeyili kuCarlin (carlin@dotgood.co.za)