Iindaba

UMfezeko ufezekisa iphupho lakhe lokuncedisana nesikolo soonomngqushwana

Abongile Ginya|Published

Abafundi baseMfezeko Primary School eMqonci eDutywa ngethuba betyelelwe liqela leMfezeko Developmental Foundation kwinyanga yaziwa ngokuba yiMandela Month.

Image: Mfezeko Developmental Foundation

Amaphulo okukhumbula inyanga yokuzalwa kowayesakuba nguMongameli weli, uNelson Mandela, asaqhuba nangoku nanjengoko nesikolo iMfezeko Primary School yaseMqonci, eDutywa, ithe yanenyhweba yokutyelelwa ngumbutho ongenanto yakwenza norhulumente, iMfezeko Developmental Foundation, iyonikeza ngezipho kubantwana, kuquka neeyunifomu.

Umsunguli weMfezeko Developmental Foundation, uMfezeko Mkiva, noyinzalelwane kule lali nosele engumsebenzi eNtshona Koloni nokwangunyana kaLandela Mkiva owasungula esi sikolo iMfezeko Primary kwiminyaka engapha kwamashumi amathathu anesihlanu (35), uthi umbono uyingozi kwaye unamandla.

Watsho esithi ubuyile kwakhona kwesi sikolo nanjengoko wayethembisile kunyaka odlulileyo xa wayezise izihlangu kwakunye nezixhobo zokudlala ibhola – wathi uza kuya kwaye athi gqolo ukuxhasa abantwana besi sikolo kuba efuna baphuhle njengabo babe zizinto.

"Andirhaleli ukuba abantwana abafunda ezilalini babonwe njengabantwana abahlelelekileyo. Le nto kum ndiyenzayo ifana nobizo, ayifuni ndumasi koko ifuna wazi imvelaphi yakho uzazi ukuba usuka phi. Oku andikwenzi ukuba ndikhule ndisokola, bendithatha entweni xa bendikhula kodwa ndibone kwabo bendikhula nabo ndiyibona iyintlungu eyokuswela ube ungenalo ithemba," utshilo uMfezeko.

UMlawuli weSinekhaya Funeral Service nofake isandla kweli phulo lokuxhasa abantwana baseMfezeko PrimarySchool eme nomsunguli weMfezeko Foundation uMfezeko Mkiva.

Image: Mfezeko Developmental Foundation

Omnye wabathe bafaka isandla ekuncediseni iMfezeko Developmental Foundation nguMnu. Ndongeni nonguMlawuli weSinekhaya Funeral eDutywa, ubongoze abazali ukuba abantwana mabafunde kwizikolo zakumawabo watsho ethembisa ukuba iMfezeko ayizokuphelela kweli banga ikulo iza kukhula.

Owayengutitshala yena kuqala noliLungu leBhodi eMfezeko, uLandela Mkiva, nowasungula ngokwakhe esi sikolo ngo1989, wasithiya ngonyana wakhe, uthi kwakuyimfuneko emandla ukuba kubekho isikolo soonomngqushwana kule ndawo kuba esikwaselalini sikude kakhulu ebantwaneni nto leyo yayibenza baphele beyeka phakathi esikolweni. Uthi oku kwamshukumisa ekubeni ayokucela indawo kwakhiwe amagumbi, elikaA noB, ukuze bawele bafikelele kwiintanga zabo.

"Babefika sele iintanga zabo zibashiyile ezi zikufutshane nesikolo sebekumabanga aphezulu babe bona beza kuqala kuA, nto leyo eyayibenza bayeke phakathi esikolweni betyhafa. Ndandingafuni loo nto ke yokuyeka kwabo phakathi kuba ndiyayazi imfundo sisixhobo ebantwaneni."

Inqununu yaseMfezeko Primary School, uZingisa Jwambi, ubambe ngazo zozibini kwiMfezeko Developmental Foundation, kumsunguli wesikolo, kubaxhasi abarhubuluzayo, abazali kwakunye nabahlali.

"Sithandiwe nguThixo kuba namhlanje apha esikolweni sidibene ngovuyo hayi ngesehlo esibi. Ndiyavuya ngokungazenzisiyo ngenkxaso esiyifumanayo kwanomahluko abawenzayo apha eMfezeko. Bekungaswelanga nto nazikolo kodwa nakhetha thina," utshilo uJwambi.